1
ULUKA 2:11
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu• iNkosi.
Yenzanisa
Ongorora {{vhesi}}
2
ULUKA 2:10
Isithunywa eso sathi kubo, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu
3
ULUKA 2:14
Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini.
4
ULUKA 2:52
Waye uYesu ehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.
5
ULUKA 2:12
Nantsi ke into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana lusana lusongelweyo eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali.
6
ULUKA 2:8-9
Kwaye kukho abalúsi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo. Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu.