1
ULUKA 11:13
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo wasemazulwini, ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?
Yenzanisa
Ongorora {{vhesi}}
2
ULUKA 11:9
Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa.
3
ULUKA 11:10
Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa.
4
ULUKA 11:2
Uthe ke yena kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.
5
ULUKA 11:4
kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni; sihlangule enkohlakalweni.
6
ULUKA 11:3
Siphe imihla yonke isonka sethu semihla ngemihla, usixolele izono zethu
7
ULUKA 11:34
Isibane somzimba liliso. Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; xa lithe lakhohlakala, nomzimba wakho ububumnyama.
8
ULUKA 11:33
Akukho ke uthi, esibanekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, nokuba kuphantsi kwesitya; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangénayo bakubone ukukhanya.