IINDUMISO 82

82
UThixo ulawula konke
Umhobe oculwayo ka-Asafu.
1UThixo uchophele intlanganiso *yoothixo;
nguye olawulayo koothixo bonke;
2uthi: “Kunini nilawula ngegobe,
nibabonelela abakhohlakeleyo!
3Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama,
nibonelele iintsizana namahlwempu.
4Khanikhulule abahlelelekileyo nama-athalala;
bahlanguleni abagonyamelwa zizikhohlakali.
5“Basemnyameni ombode-mbode;
bayafathula njengempumputhela,
nangona lona ihlabathi lizama-zama.
6Ndithi: Ewe kambe, ningoothixo;
nonke ningoonyana bakaPhezukonke.
7Kambe ke niya kufa njengamntu wonke,
nibhange njengamatshawe.”
8Awu, Thixo, khawulingenele ngomgwebo ihlabathi;
andithi kaloku zonke izizwe zisesandleni sakho!

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 82: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න