IINDUMISO 81

81
Ingoma yetheko
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; uvunywa njengalowa wamaGati.
1Dandulukani ngovuyo, nibonge uThixo osikhuselayo;
memelelani nidumise uThixo kaYakobi.
2Hlabelani nitsho ngohadi;
dlobani ngoncuthu lweehapu neekatala.
3Vuthelani ixilongo ukuthwasa kwenyanga,
nasekuhlanganeni kwenyanga mhla ngetheko.
4Kaloku lowo ngummiselo wakwaSirayeli,
lisiko loThixo kaYakobi.
5Walenza langummiselo kwaSirayeli,
mhla wahlasela elamaJiputa.
Ndiva ilizwi endingaliqondiyo, lisithi:
6“Ndawothula umthwalo owawusemagxeni enu,
zaxibilika iingobozi ezandleni.
7Nakhala ngomhla wengxingongo, ndanihlangula;
ndaniphendula ndingabonakali ndisezindudumeni;
ndanivavanya emthonjeni waseMeribha.
8“Ndathi sigqaleni isilumkiso sam, bantu bam;
Sirayeli, akwaba ubuya kundiva!
9Ze ningamnquli *uthixo wesinye isizwe;
ongomnye eningamaziyo ze ningamnquli.
10Ndim mna *Ndikhoyo uThixo wenu
owanikhuphayo kwelamaJiputa;
khamisani, mna ndiza kunifunza.
11“Phi ke! Abantu bam zange baphulaphule;
abafunanga nokuva oku ngam.
12Ndaza ke ndabayekela kwezo nkani zabo,
ukuze benze ngokuthanda kwabo.
13Ngamana nandiphulaphula, bantu bam;
akwaba ubungandithobela, Sirayeli.
14Bendingazigeqayo iintshaba zakho;
ewe, bendiya kuzinyhasha iintshaba zakho.
15Abamthiyileyo uNdikhoyo bebeya kushwabana,
isigwebo sabo sibe ngumlibe.
16Bendiya kunondla ngeyona-yona ngqolowa,
ndinanelise ngobusi obupholileyo.”

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 81: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න