1
I‐Genesise 45:5
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
XHO1902A
Kodwa kaloku maningadandateki, makungaqumbiseki emehlweni enu kanjako, ukuba nibe ninditengisela apa: ngokuba UTIXO enditumile pambi kwenu, ndize kulondoloza ubomi.
താരതമ്യം
I‐Genesise 45:5 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
2
I‐Genesise 45:8
Ngako kaloku asi nini abanditumileyo ukuza apa, koko NGUTIXO; owayendenzile uyise ku‐Faro, nenkosi pezu kwayo yonke indlu yake, nompati kulo lonke ilizwe le‐Jipete.
I‐Genesise 45:8 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
3
I‐Genesise 45:7
Waye UTIXO wandituma pambi kwenu, ukuba ndinigcinele isisalela emhlabeni, nokuba ndilondoloze ubomi benu ngosindiso olukulu.
I‐Genesise 45:7 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
4
I‐Genesise 45:4
Waza u‐Josefe wati kubakuluwe bake: Kanisondele kum. Basondela ke. Waza wati: Mna ndingu‐Josefe, umninawe wenu, enanimtengisele e‐Jipete.
I‐Genesise 45:4 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
5
I‐Genesise 45:6
Ngokuba ngoku isel’ iyiminyaka mibini indlala ipakati kwelizwe; kanjalo iseko iminyaka mihlanu ekungayi kubako kulima nokuvuna ngayo.
I‐Genesise 45:6 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
6
I‐Genesise 45:3
Waza u‐Josefe wati kubakuluwe bake: Mna ndingu‐Josefe; ubawo usahleli na? Koko abakuluwe bake bebekohlwa kukumpendula; ngokuba bebetuswa ebusweni bake.
I‐Genesise 45:3 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക