1
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:23
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
XHO1902A
Ngokuba umvuzo wesono ukukufa; kodwa isipo sofefe SIKATIXO sibubomi obungunapakade ngo‐Yesu Kristu INKOSI yetu.
비교
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:23 살펴보기
2
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:14
Ngokuba isono singayi kuba nabukosi pezu kwenu: ngokuba ningepantsi kwomteto, koko nipantsi kwofefe.
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:14 살펴보기
3
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:4
Sancw̔atyelwa ngoko kunye naye ngako ukubapitizeshwa ekufeni kwake; ukuze ke, njengokuba u‐Kristu ebevuswa kwabafileyo ngabo ubungcwalisa BOYISE, siti kwa njalo nati sihambe ekuhlaleni okutsha.
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:4 살펴보기
4
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:13
Kanjako ningamiseli esonweni amalungu enu ukuba zimpahla zokungalungileyo; koko zimiseleni KUTIXO njengokuba nihleli nivukile kwabafileyo, namalungu enu niwamisele KUTIXO ukuba zimpahla zobulungisa.
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:13 살펴보기
5
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:6
oku sikwazi nje, ukuba umntu wetu omdala wakuruseshwa kunye naye, ukuze umzimba wesono utshatyalaliswe, size tina singabi sakonza esonweni.
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:6 살펴보기
6
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:11
Kwa njalo nani zibaleni ukuba nifile ngakuso isono, kodwa nisidla ubomi ngakuye UTIXO, ku‐Kristu Yesu INKOSI yetu.
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:11 살펴보기
7
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:1-2
SOTI nina pofu? Somana ukuma esonweni na, ukuze ufefe lwandiswe? Kwanga kungebe njalo! Tina safayo ngakwisono, soti nina ukuba sisahlala kuso?
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:1-2 살펴보기
8
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:16
Anazi na, ukuba lowo nizimisela kuye ukuba zizicaka zokumva, nizizicaka zake enimvayo; nokuba zezesono kube kukufa, nokuba zezokuva bube bubulungisa?
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:16 살펴보기
9
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:17-18
Kodwa makubulelwe KUTIXO ukuba, nangona nibe nizizicaka zesono, neva noko ngentliziyo umlinganiselo wofundiso enaninikelwe kuwo; naza nati, nikululekisiwe kuso isono nje, nenzwa izicaka ebulungiseni.
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6:17-18 살펴보기