1
EYASENTLANGO 14:9
IBHAYIBHILE
XHO96
Nto nje nina musani ukumvukela uNdikhoyo, ningabaxhaleli nabemi belo lizwe, kuba siya kuboyisa lula. UNdikhoyo ungakuthi, ibe ke bona bakukutya kwethu, kuba *izithixo zabo azinakubanceda. Hayi bo, sanukuba nadyudyu ngenxa yabo!”
비교
EYASENTLANGO 14:9 살펴보기
2
EYASENTLANGO 14:18
‘Mna Ndikhoyo andicaphuki msinya, koko ndiyimvuze-mvuze ngothando; futhi ndiyabaxolela abonayo nabakreqi. Kambe ke andibuyi ngamva ekubohlwayeni abanetyala. Ngenxa yesono sabazali abantwana ndibohlwaya ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana.’
EYASENTLANGO 14:18 살펴보기
3
EYASENTLANGO 14:8
Ukuba uNdikhoyo uyakholwa sithi, uza kusisa kulo, alinikezele kuthi, yeka ke kambe indyebo yalo – liyintombazana!
EYASENTLANGO 14:8 살펴보기
4
EYASENTLANGO 14:24
“Kambe sona isicaka sam uKalebhi akafani nabo. Yena waba soloko endithobela, ngoko ke yena ndiya kumngenisa kwelo lizwe walibonayo, yena nesizukulwana sakhe.
EYASENTLANGO 14:24 살펴보기
5
EYASENTLANGO 14:28
Ngoko ke baxeleleni ukuba ndithi: ‘Ngenene, ndingophilayo nje, ndiyafunga, ndiza kunenzela kanye le nto niyithethileyo. Nditsho mna Ndikhoyo.
EYASENTLANGO 14:28 살펴보기
6
EYASENTLANGO 14:11
*UNdikhoyo ke wadanduluka wathi: “Koda kube nini aba bantu bendidela? Koda kube nini bengandithembi, nangona sendenze imimangaliso engaka nje phakathi kwabo?
EYASENTLANGO 14:11 살펴보기
7
EYASENTLANGO 14:2
Ewe, uSirayeli wakhalaza kuMosis noAron, esithi: “Akwaba sasifele eJiputa, okanye sifele kule ntlango.
EYASENTLANGO 14:2 살펴보기
8
EYASENTLANGO 14:6-7
Ke yena uYoshuwa unyana kaNune, noKalebhi unyana kaJefune, abanye bezaa ntlola, basuka baziqwenga iimpahla zabo ngenxa yokukhathazeka, baza babhekisa kumaSirayeli, bathi: “Hayi bo! Elaa lizwe sivela kulijonga lelihle kunene.
EYASENTLANGO 14:6-7 살펴보기
9
EYASENTLANGO 14:21-23
Kodwa ke ngenene ndiyafunga, ndikho nje, obam ubungangamsha buzalise ihlabathi jikelele. Ngoko ke akukho nanye indoda kwaba bantu eya kufika kwelo lizwe. Kaloku babubonile ubukhazikhazi obuntama ukuba ndikho, ndawonye nemiqondiso endayenza eJiputa nakule ntlango; kodwa nakuba kunjalo bayaphindelela ukundivavanya, besala ukundithobela. Soze athi cakatha kwelo lizwe ndathembisa ngalo ooyise ngesifungo. Soze bangene kulo bonke abandidelayo.
EYASENTLANGO 14:21-23 살펴보기