1
KWABASE-EFESE 4:32
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Ke nina yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu, nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu.
비교
KWABASE-EFESE 4:32 살펴보기
2
KWABASE-EFESE 4:2
nínako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana
KWABASE-EFESE 4:2 살펴보기
3
KWABASE-EFESE 4:29
Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; mayibe yesukuba ilungele ukuxuma oko kuluncedo, ukuze ibabale abevayo.
KWABASE-EFESE 4:29 살펴보기
4
KWABASE-EFESE 4:31
Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke.
KWABASE-EFESE 4:31 살펴보기
5
KWABASE-EFESE 4:26-27
Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile; kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo.
KWABASE-EFESE 4:26-27 살펴보기
6
KWABASE-EFESE 4:22-24
yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla; nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu, nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.
KWABASE-EFESE 4:22-24 살펴보기
7
KWABASE-EFESE 4:3
nisenziwa luthando, níkhuthalele ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo.
KWABASE-EFESE 4:3 살펴보기
8
KWABASE-EFESE 4:11-13
Waza kwayena wabapha abanye ukuba babe ngabapostile,• abanye babe ngabaprofeti, abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalúsi nabafundisi, ukuze abangcwele basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo, ukwakhiwa ke komzimba kaKristu; side thina sonke sifike kubo ubunye benkolo, nobokumazi okuzeleyo uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu
KWABASE-EFESE 4:11-13 살펴보기
9
KWABASE-EFESE 4:14-15
ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokunyanga kwabantu, ngobuqhetseba obusemaqhingeni olahlekiso; síthi ke, sinyanisekile eluthandweni, sikhulele, ngeendawo zonke, kuye lo uyintloko, uKristu
KWABASE-EFESE 4:14-15 살펴보기