U‐Habakuke 2:2-3
U‐Habakuke 2:2-3 XHO1902A
Waza UYEHOVA wandipendula, wati: Ba̔la umboniso, uwuqingqe pezu kwamacwecwe, ukuze abaleke lowo uwuleseshayo. Ngokuba umboniso ungowexesha elimiselweyo; kodwa uya kuteta ekupeleni, awuyi kuxoka: nakuba uzilazilayo, wulinde; ngokuba uya kuza ngenyaniso, awuyi kulibala.





