UHOSEYA 6
6
1Yizani sibuyele kuYehova; kuba eqwengile, wosiphilsa; uxabele, wosibopha. 2Wosidlisa ubomi, kwakuba ntsuku mbini; wosiphakamisa ngolwesithathu, sidle ubomi phambi kwakhe. 3Masikwazi ke, masikusukele ukumazi uYehova; ukuphuma kwakhe kuqinisekile njengokuphuma kwesifingo, ukuba eze kuthi njengemvula, njengemvula evuthisayo, elinyakamisayo ilizwe.
UEfrayim noYuda bakhohlakele, kwanokumkani nabathetheli
4Mandikuthini na, Efrayim? Mandikuthini na, Yuda? Uthando lwenu lunjengelifu lomso, lunjengombethe ophela kwakusasa. 5Ngenxa yoko ndibaxozile ngabaprofeti, ndababulala ngamazwi omlomo wam; ukuze umgwebo wam uphume njengokukhanya. 6Ngokuba ndinonelele uthando, andinonelele mbingelelo; ndinonelele ukwazi uThixo, ngaphezu kwamadini anyukayo. 7Ke bona bawugqithile umnqophiso njengoAdam, banginiza kum apho. 8IGiliyadi ngumzi wabasebenzi bobutshinga; uzele yimikhondo yegazi. 9Bunjengokulalelwa kwendoda ngamatutu ubudlelane bababingeleli; bayancinitha endleleni eya kwaShekem, ewe, benzé amanyala. 10Endlwini kaSirayeli ndiboné into ebanga amanwele; apho uEfrayim uyahenyuza, uSirayeli uzenza inqambi. 11Kananjalo wena Yuda, umiselwe uvuno, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabantu bam.
Chwazi Kounye ya:
UHOSEYA 6: XHO75
Pati Souliye
Kopye
Konpare
Pataje
Ou vle gen souliye ou yo sere sou tout aparèy ou yo? Enskri oswa konekte
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.