1
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:2
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
XHO1902A
nize ningalinganisani nelilizwe likoyo, niti nibe nenziwe ngakumbi ngokuhlaziywa kwoluvo lwenu, ukuba niqiqe into iyiyo intando KATIXO elungileyo, ekolekieyo, efezekileyo.
Comparar
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:2
2
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:1
NDIYANIKUNGA ngoko, bazalwana! ngezibele ZIKATIXO, ukubaniyimisele imizimba yenu ibe lidini elipilileyo, elingcwele, elikolekileyo KUTIXO, okusisikonzo senu esifanelekileyo
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:1
3
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:12
vuyani etembeni; nyamezelani ebunzimeni; zingisani ekutandazeni
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:12
4
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:21
Ungoyiswa kokukohlakeleyo, uti ukwoyise okukohlakeleyo ngokulungileyo.
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:21
5
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:10
Ekutandeni abazalwana, yibani nobubele omnye kwomnye; ekubekeni, yenzani ngokupangelana
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:10
6
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:9
Utando lwenu malube lolungazenzisiyo. Zondani okukohlakeleyo; namatelani kokulungileyo.
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:9
7
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:18
Ukuba kungenzeka, maniti okungecala lenu nixolane nabantu bonke.
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:18
8
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:19
Ninggazipindezeleli ngokwenu, batandwa! niti ninike indawo kuwo umsindo; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Kukokwam ukupindezela, kwobuyekezwa ndim; utsho UYEHOVA.
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:19
9
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:11
ekuku̔taleni, ninganqeni; zondelelani emoyeni; konzani ENKOSINI
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:11
10
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:3
Ngokuba ndisiti, ngalo ufefe endanikwa lona, kubo bonke abakoyo pakati kwenu, mabangakumbuli ngokupezulu koko bafanele ukukumbula ngako, koko mabakumbule ngokutelekelela, njengokuba UTIXO wabele abanye ngabanye isilinganiselwa sokolo.
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:3
11
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:17
Ningavuzi mntu ngobubi ngenxa yobubi. Yazalelelani izinto ezifaneleyo ebusweni babantu bonke.
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:17
12
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:16
Yibani nokuvumelana omnye nomnye. Ningamyamekeli izinto ezipakamileyo, niti nitobele kwezitobekileyo. Ningaziqa̔yiseli ngobulumko.
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:16
13
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:20
Ngako xeshekweni utshaba lwako lulambayo, lufunzele; xeshekweni lunxanwayo, luseze: ngokuba usenje njalo uya kufumba amalahle omlilo pezu kwentloko yalo.
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:20
14
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:14-15
Tamsanqelisani abo banitshutshisayo: tamsanqelisani, ningqalekisi ke. Vuyani nabo bavuyayo, nilile nabo balilayo.
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:14-15
15
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:13
yabelani intswelo zabangcwele; nxamelani imbuko yabasemzini.
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:13
16
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:4-5
Ngokuba kwa njengokuba sinawo amalungu amaninzi emzimbeni mnye, kanti amalungu akanawo umsebenzi mnye onke; kwa njalo tina, sibaninzi nje, singumzimba mnye ku‐Kristu, namalungu omnye nomnye ngabanye.
Explorar Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12:4-5