YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 6

6
Amalolo kaNdikhoyo
1*UNdikhoyo wagunyazisa uMosis, 2wathi makayalele amaSirayeli, athi: “Nabani na, indoda okanye ibhinqa, owenza isifungo esisodwa sokuba abe *lilolo likaNdikhoyo, kuba efuna ukuba ngokaNdikhoyo qwaba, 3makangaze asele iwayini natywala. Ewe, makangaze asele okanye atye nto eyenziwe ngeediliya. 4Ngalo lonke ixesha aselilolo makangatyi okanye asele nayiphi na into ephuma emdiliyeni, angafaki nditsho nembewu okanye ixolo lediliya.
5“Xa esephantsi kwesi sifungo makangachebi, angasusi neendevu ezi. Kaloku ngalo lonke elo xesha engokaNdikhoyo qwaba ubotshiwe sisifungo, ngoko ke makangaziphathi iinwele neendevu. 6-7Isihlwitha esi ngumqondiso wokuba uzinikele. Makangaze *azigqwalise ngokusondela kwisidumbu nokuba sesikayise okanye unina, nditsho nesomntakwabo. 8Kaloku xa esephantsi kwesi sifungo ulilolo likaNdikhoyo.
9“Xa kwenzekile ukuba lowo ulilolo agqwaliseke ngokuba kufuphi nomntu osuke wafa ngebhaqo, kofuneka azigugule iinwele neendevu zakhe ngosuku lwesixhenxe, ukuze *ahlambuluke. 10Ngosuku lwesibhozo ke uya kuthatha amahobe amabini, noba ngamavukuthu, eze nawo esangweni *lesibingelelo kumbingeleli. 11Ngelinye ke umbingeleli uya kwenza idini lesono, lize elinye eli libe lidini elitshiswayo, khon' ukuze acanyagushelwe lowo ugqwaliswe sisidumbu. Kwangaloo mini ke umntu lowo uya kuziyeka ziphinde zikhule iinwele neendevu zakhe, 12azinikele ngokutsha ukuba abe lilolo likaNdikhoyo kangangesifungo eso. Intlawulo uya kuyenza ngokukhupha ixhwane lokwenza idini lesono. Elaa thuba lingaphambili ke, alichithe selelilolo, lilahlekile, kuba kaloku iinwele zakhe zigqwalisekile.
13“Kothi ke lakuphela ithuba lesifungo selolo elo, kuqhutywe lo msebenzi: Ilolo liya kuya esangweni lesibingelelo 14nezi ndidi zeegusha zingenasiphako: ixhwane eliliduna, loba lelokwenza idini elitshiswayo; ixhwane elilithokazi, lona libe leledini lesono; nenkunzi yegusha yokwenza idini lobudlelwana. 15Ezi zinto zihamba nomnikelo weenkozo nowewayini. Uya kufaka ebhaskitini ezi ndidi zesonka ezinganyuswanga: izonka ezenziwe ngomgubo oxutywe namafutha nemiqathane ethanjiswe ngamafutha.
16“Umbingeleli ke uya kuwathatha amaxhwane, awanikele uNdikhoyo, enze idini lesono nelitshiswayo. 17Kwakhona ke uya kunikela inkunzi yegusha *kuNdikhoyo, ibe lidini lobudlelwana, ayidibanise nesaa sonka sisebhaskitini. Kananjalo ke uya kwenza nomnikelo weenkozo nowewayini. 18Apho ke esangweni lesibingelelo ilolo elo liya kuzigugula iinwele zalo, ezo zibubungqina bokuzinikela kwalo kuNdikhoyo, lizifake apho kuloo mlilo wedini lobudlelwana.
19“Emva koko umbingeleli makathathe umkhono ovuthiweyo wenkunzi yegusha, abuye athathe nesonka sibe sinye, nomqathane ngokunjalo phaya ebhaskitini, aze ke ezi zinto azinike ilolo elo ukuze lizibambe. 20Kananjalo ke umbingeleli uya kuwanga-wangisa lo mnikelo uwonke, awenze umnikelo owodwa kuNdikhoyo. Lo mnikelo owodwa ngowombingeleli; yaye wongeza laa ncum nalaa mlenze wenkunzi yegusha usisabelo sombingeleli kakade. Emva koko ke ilolo likhululekile, lingayisela iwayini.”
21Lo ke ngumthetho obhekiselele kwilolo likaNdikhoyo omelwe kukufezekiswa. Ngaphezu koko lisenokunikela kangangoko ngokuqhutywa yintliziyo.
Intsikelelo kaNdikhoyo
22*UNdikhoyo wathi uMosis, 23makayalele uAron noonyana bakhe ukuba bathamsanqele amaSirayeli benjenje:
24“Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,
akulondoloze.
25Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
26Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo.”
27Waza wathi ke uNdikhoyo: “Ukuba babiza igama lam bethamsanqela abantu bam amaSirayeli, nam ndiya kubathamsanqela.”

Currently Selected:

EYASENTLANGO 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy