YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 35

35
Iidolophu zabaLevi
1Kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko *uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: 2“Xelela amaSirayeli ukuba kuloo mihlaba ayinikiweyo makahlulele abaLevi iidolophu ezithile ndawonye namadlelo azingqongileyo. 3Zona ke zoba zezabaLevi, bahlale kuzo. Ke wona amadlelo oba ngawemfuyo yabo. 4Amadlelo makasuke kwiindonga zesixeko abhekele phaya isithuba esingamakhulu amane anamashumi amahlanu eemitha macala, 5khon' ukuze ubekho ummandla olinganayo ongamakhulu asithoba eemitha ngapha nangapha, isixeko sona siphakathi. 6AbaLevi ze nibanike iidolophu zibe ntandathu, apho umntu angabalekela khona xa abulele omnye ngengozi. Ngaphezu koko ke banikeni ezinye iidolophu zibe ngamashumi amane anambini 7ndawonye namadlelo azo, ukuze ke zibe ngamashumi amane anesibhozo zizonke. 8Inani leedolophu ezinikwa abaLevi kwindlu nganye loxhomekeka kubungakanani bomhlaba waloo ndlu. Kweneedolophu ezininzi phungula kakhulu; kweneedolophu ezimbalwa phungula kancinci.”
Iidolophu zokuphephela
9*UNdikhoyo wathetha noMosis, 10wathi makathethe namaSirayeli, athi: “Nakuba niyiwelile iJordan nangena kwelaseKanana, 11ze nimise iidolophu apho umntu angabalekela khona xa ebulele omnye ngengozi. 12Xa elapho ke woba usindile kwimpindezelo yesizalwana sikamfi. Umntu otyholwa ngokubulala omnye akufuneki abulawe lingakhange lithethwe enkundleni ityala lakhe. 13Khethani iidolophu zokuphephela zibe ntandathu, 14zibe ntathu ngaphesheya empuma yomlambo iJordan, zibe kwantathu nganeno kwelaseKanana. 15Ezi dolophu zoba yindawo yokubalekela kumaSirayeli, kanti nakwiintlanga ezingabangeneleli okanye abemi. Nabani na ke obulele umntu ngengozi woba nokubalekela kwenye yazo.
16-18“Kambe ke yena umntu obulele omnye esebenzisa isixhobo esiyintsimbi, ilitye, okanye umthi, woba netyala lokubulala, isigwebo sakhe ibe kukubulawa. 19Uxanduva lokubulala isigwinta eso loba phezu kwesizalwana esingumphindezeli. Apho sisifumene khona masisibulale eso sigwinta.
20“Ukuba umntu unomntu amzondayo waza wambulala ngokumeyelisela, ukumgibisela ngento, okanye ukumlalela, 21noba kukumbetha ngamanqindi, loo mntu unetyala lokubulala, makabulawe. Uxaduva lokubulala eso sigwinta loba kwisizalwana esingumphindezeli womfi lowo; ngoko ke masisibulale apho sisifumene khona.
22“Kambe ke ukuba umntu ubulele omnye ngengozi, kungengakuba ebemzonda, noba umbulele ngokumeyelisela okanye ukumgibisela ngento, 23okanye mhlawumbi umntu ubethe omnye ngelitye engamboni, engenazinjongo, engelulo natshaba lwakhe, 24kwimeko enjalo ityala maligwetywe yinkundla, nayo ke igwebele lo ubuleleyo, ingesiso isizalwana sikamfi esifuna impindezelo. 25Inkundla mayimhlangule umbulali lowo kwisizalwana sikamfi; makabuyiselwe kwakuloo dolophu ebephephele kuyo. Umbulali lo ke makahlale apho kude kufe loo mntu ungumbingeleli omkhulu kwelo thuba, lowo uthanjiswe ngamafutha angcwele. 26Kambe ke ukuba umbulali lowo umkile apho kuloo dolophu ebephephele kuyo, 27waza ke wabhaqwa, wabulawa sisizalwana sikamfi, eso senzo sempindezelo asilotyala lakubulala. 28Loo mntu ubuleleyo makahlale apho kuloo dolophu yokuphephela kude kufe umbingeleli omkhulu; emva koko ke angagoduka. 29Le mimiselo ke iya kubopha nina nezizukulwana zenu noba seniphi na.
30“Umntu otyholwa ngokubulala angáfunyanwa enetyala aze abulawe kuphela xa kukho amangqina; ke lona ingqina elinye alanele ukuxhasa isityholo sombulali. 31Isigwinta masibulawe. Mayingamkelwa intlawulo yokusindisa ubomi baso. 32Ukuba umntu ubalekele kwidolophu yokuphephela makangavunyelwa akhuphe intlawulo khon' ukuze abe nokugoduka engekafi umbingeleli omkhulu. 33Ze ningalifaki *umlaza ilizwe lakowenu. Kaloku ubugwinta buyalingcolisa ilizwe. Ibe ke ucamagushelo alunakwenzelwa ilizwe ekuphalazwe igazi kulo, ngaphandle kokuba kuphalazwe igazi lesigwinta eso. 34Ningaze nilifake umlaza ilizwe enihlala kulo; kaloku mna ndinguNdikhoyo, ndihlala phakathi kwabantu bam amaSirayeli.”

Currently Selected:

EYASENTLANGO 35: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy