YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 25

25
AmaSirayeli anqula izithixo ePehore
1AmaSirayeli athi xa ayemise kwintili yeShitim, asuka arheletya neentokazi zamaMowabhi. 2AmaMowabhikazi amema amaSirayeli ukuba aye kwizidlo zamadini awayesenzelwa *izithixo zamaMowabhi. AmaSirayeli akutya oko kutya, amnqula 3uBhali wasePehore. Ngoko ke *uNdikhoyo wavutha ngumsindo, 4waza wathi kuMosis: “Thatha iinkokheli zamaSirayeli, uzibulale, uzixhome esidlangalaleni phambi *kwesibingelelo, khon' ukuze udambe umsindo wam ngakumaSirayeli.”
5Ke kaloku uMosis wathi kwizikhulu zakwaSirayeli: “Ngamnye kuni makabulale amawabo azibandakanye noBhali wasePehore.”
6Omnye umSirayeli wathatha umMidiyanikazi, wangena naye kwakhe, ebonwa nguMosis nangamaSirayeli ephela, ngexesha awayesazilile esesangweni lesibingelelo. 7Uthe akuyibona le nto uPineyasi, unyana kaElazare, umzukulwana wombingeleli uAron, wee sululu, wemka apho kuloo ndibano, wathatha umkhonto, 8walandela loo ndoda naloo mfazi, wangena apho ententeni, wabinza ngomkhonto, wabadibanisa bobabini. Ngaloo ndlela ke ubhubhani owayephethe amaSirayeli wanqamka. 9Kambe ke wayeselesube wabulala abantu abangamashumi amabini anane amawaka.
10*UNdikhoyo wathi kuMosis: 11“Ngenxa yale nto yenziwe nguPineyasi, umsindo wam uthothile ngakumaSirayeli. Kaloku yena ngenxa yenzondelelo yakhe usiphuhlisile isidima sam ebandleni, ndaza ke ngoko andalitshabalalisa. 12Ngoko ke mxelele ukuba ndenza naye umnqophiso wobudlelwane. 13Yena ngokunjalo nenzala yakhe boba ngababingeleli abangasoze bathini. Kaloku yena ube nekhwele ngoThixo wakhe, waza ke ngaloo ndlela wamngxengxezela uSirayeli.”
14Igama lomSirayeli owabulawa kunye nomMidiyanikazi yayinguZimri, unyana kaSalu, inkulu yomzi othile kwindlu kaSimon. 15Lona igama lomfazi lowo yayinguKozibhi. Uyise uZure wayeyinkosi yezindlu ezithile zamaMidiyani.
16UNdikhoyo wathi kuMosis: 17“AmaMidiyani ziintshaba zenu; watshabalaliseni, 18kuba abonise ubutshaba kuni ngokunikhohlisa, nangenxa kaKozibhi owabulawa mhla ngobhubhani obangwe sisithwakumbe sasePehore.”

Currently Selected:

EYASENTLANGO 25: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy