YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 18

18
Imisebenzi yababingeleli nabaLevi
1*UNdikhoyo wathi kuAron: “Wena noonyana bakho ndawonye nabaLevi nithwala uxanduva ngaso nasiphi na isigqitho esinxulumene nokubusa esibingelelweni; kodwa nguwe kuphela noonyana bakho abaya kuthwala uxanduva ngesigqitho esinxulumene nobubingeleli. 2Phuthuma abo uzalana nabo bendlu kaLevi, usebenze nabo bakuncedise xeshikweni wena noonyana bakho nibusayo esibingelelweni. 3AbaLevi baya kujongwa nguwe ngokwemisebenzi yabo esibingelelweni, kodwa mabangasondeli nokusondela kwimpahla yegumbi eliyingcwele okanye eqongeni lamadini, kungenjalo baya kufa kunye nani. 4Umsebenzi wabo baya kuwufezekisa ngokuncedisana nani esibingelelweni, ke yena umntu ongomnye ongenalungelo angaze asebenze nanini esibingelelweni.
5“Nini emanithwale uxanduva lokulungiselela egumbini eliyingcwele nakwiqonga lamadini, khon' ukuze uNdikhoyo angaphindi awavelele ngomsindo amaSirayeli. 6Ndim ngokwam ozinyulele abanakwenu abaLevi kumaSirayeli. Basisipho kuni babingeleli, khon' ukuze benze imisebenzi esibingelelweni. 7Nguwe noonyana bakho kuphela abanoxanduva lokulungiselela mayela neqonga lamadini ndawonye negumbi eliyingcwele kangcwele. Lo msebenzi wenu wobubingeleli sisipho enisinikwa ndim. Nabani na othe wasondela kwizinto ezingcwele engenalungelo wobulawa.”
Inxaxheba yababingeleli
8*UNdikhoyo wathi kuAron: “Iminikelo eyenzelwa mna yolawulwa nguwe; yonke iminikelo eyenziwe ngamaSirayeli kum ndiyinika wena noonyana bakho ibe yinxaxheba nesabelo senu esisisigxina. 9Inxaxheba yeminikelo engayi kutshiswa eqongeni yeyenu – nditsho yonke iminikelo eyodwa, nokuba yeyokutya, okanye yeyentlambululo, okanye yeyembuyekezo. Loo nxaxheba yeyakho noonyana bakho. 10Ezi zinto ze niqonde ukuba zingcwele, nizityele endaweni engcwele, zityiwe ngamadoda kuphela.
11“Nayiphi na eminye iminikelo enikelwa kum ngamaSirayeli yeyenu. Ndiyipha wena noonyana neentombi zakho, isisabelo senu esisisigxina. Yona ke yotyiwa nguye nabani na *ongenamlaza kwintsapho yakho.
12-13“Ndikunika lonke ulibo lwezilimo oluziswa ngamaSirayeli kuNdikhoyo: amafutha omnquma, iwayini, nengqolowa. Zonke ke zoba zezakho, zityiwe ngabo bonke abangenamlaza kwintsapho yakho.
14“Yonke into kwaSirayeli enikelwe kuNdikhoyo qwaba yeyakho. 15Lonke izibulo, elomntu nelemfuyo, elinikelwa ngamaSirayeli kum, lelakho. Kodwa ke makahlawulelwe umntwana wamazibulo, nezibulo lesilwanyana esingàtyiwayo ngokunjalo. 16Amazibulo makahlawulelwe xa anenyanga enye ezelwe, kukhutshwe ixabiso eliziingqekembe zesiliva ezintlanu ngokomlinganiselo ovunyiweyo. 17Kambe ke amazibulo eenkomo, iigusha, neebhokhwe, wona akayi kuhlawulelwa. Wona ngakaNdikhoyo poqo; makenziwe idini. Igazi lazo makufefwe ngalo iqonga lamadini, amanqatha azo atshiswe abe lidini ngomlilo – dini elo livumba liyolileyo kuNdikhoyo. 18Ke yona inyama yazo yoba yeyakho, njengencum nomlenze wasekunene kwidini eliwanga-wangiswayo.
19“Yonke iminikelo eyodwa evela kumaSirayeli ndiyipha wena noonyana neentombi zakho zisisabelo senu esisisigxina. Lo ke ngumnqophiso ongasoze uthini endiwenza nawe nesizukulwana sakho.”
20UNdikhoyo wathetha noAron, wathi: “Ke wena apha kwaSirayeli akuyi kuzuza sabelo sililifa lakho, ungayi kuzuza namhlaba. Kaloku esakho isabelo, ndawonye nelifa, ndim mna Ndikhoyo.”
Inxaxheba yabaLevi
21*UNdikhoyo wathi: “Sonke isishumi esivela kumaSirayeli soba yinxaxheba yabaLevi ngenxa yoxanduva lokujonga *isibingelelo. 22Ke wona amaSirayeli angawambi akufuneki nganto ukuba abe nento ayenzayo esibingelelweni, khon' ukuze angasifumani isohlwayo sokufa. 23Ngoko ke ukusukela ngoku ngabaLevi kuphela amabajongane nesibingelelo, sibe luxanduva lwabo ngokupheleleyo. Lo mthetho ke uya kuhlala umi nakwizizukulwana ezizayo. AbaLevi abasayi kuze babe nalifa lilelinye kwaSirayeli, 24kuba kaloku bona ndibanike isabelo esizizishumi endizinikwa ngamaSirayeli. Kungenxa yaloo nto ke ndisithi nje bona abasoze babe nalifa lilelinye kwaSirayeli.”
Isishumi sabaLevi
25*UNdikhoyo wayalela uMosis 26ukuba athi kubaLevi: “Xa nisamkela isishumi esinikelwa ngamaSirayeli kuNdikhoyo njengesabelo senu, kwalapho kuso khuphani isishumi enisinikela kuNdikhyo. 27Lo mnikelo ke uya kuba njengomnikelo okhutshwa ngumlimi kwingqolowa newayini yakhe. 28Ngale ndlela ke nani noba nako ukunikela kuNdikhoyo nicaphula kuzo zonke izishumi enizamkelayo kumaSirayeli. Kwezi zishumi inxaxheba kaNdikhoyo maze niyinike uAron umbingeleli. 29Ewe, nikelani ngezona-zona kwenizifumanayo, nditsho ezo zimfaneleyo uNdikhoyo. 30Xa ninikela ngezona-zona kuya kuba njengaxa umlimi akhupha izishumi zengqolowa newayini. 31Ke into eseleyo yeyenu neentsapho zenu; ningayityela naphi na, kuba niyinikwa ingumvuzo womsebenzi wenu *esibingelelweni. 32Xa ninikela ngezona-zona anisayi kuba natyala. Ngokwenjenjalo aniyi *kuyigqwalisa iminikelo engcwele yamaSirayeli, ningayi kufa nokufa.”

Currently Selected:

EYASENTLANGO 18: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy