YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 16

16
Ugwayimbo lukaKora
1-2UKora unyana kaIzare, umKohati wendlu kaLevi, wagaya amadoda athile, baza bamvukela uMosis. Wayekunye namaRubhen, uDatan noAbhiram, oonyana bakaEliyabhi, no-On unyana kaPelete. Babexhaswa naziinkokheli ezaziwayo zamaSirayeli ezazalathwe ngumzi ukuba zibe liqoqo, zingamakhulu amabini anamashumi amahlanu. 3Beza belihlokondiba elichase uMosis noAron, baza bathi kubo: “Kungokunje nigabadele! Ubonanje ibandla liphela lamaSirayeli libango *likaNdikhoyo; kwaye futhi uNdikhoyo ukho phakathi kwalo. Ngani ke ukuba nizenze bhetele kangaka kunebandla lamaSirayeli?”
4UMosis ke uthe akuweva la mazwi, wawa ngamadolo. 5Waza ke wabhekisa kuKora nabalandeli bakhe, wathi: “Ngomso kusasa uNdikhoyo uza kukhe asibonise ukuba ngubani na kanye umnyulwa wakhe. Lowo ke ungowakhe ncam, lowo amkhethileyo, uya kumsondeza. 6-7Ngomso kusasa kufuneka wena Kora nabalandeli bakho nithathe imicephe yomlilo, niyifake amalahle avuthayo, nigalele isiqhumiso, niye nayo eqongeni phambi koNdikhoyo. Uya kucaca ke oyena unyuliweyo nguNdikhoyo. Nini kanye baLevi aba bagabadeleyo!”
8UMosis waqhuba wathi kuKora: “Khanitsho, baLevi, 9ngaba niyidelile into yokuba uThixo kaSirayeli anibekele bucala kumaSirayeli ephela, ukuze nisondele kuye, nisebenze *esibingelelweni sakhe, nibuse ngenxa yamaSirayeli? 10Nakuba nina baLevi niphela eninike eli wonga nje, ngoku senitsazele nasebubingelelini? 11Eneneni nguNdikhoyo lo nimvukeleyo, wena nehlokondiba lakho, engubani yena uAron nide nimkhalazele nje.”
12Ke kaloku uMosis wathumela wabiza uDatan noAbhiram, kodwa bona baphendula bathi: “Asizi! 13Akwanelanga yile nto uyenzileyo yokusikhupha eJiputa, ilizwe lamasi nobusi, uze kusibulala kule ntlango? Ngoku sowuzenza itshawe phezu kwethu, 14ngoku ungekasifikisi kwelaa lizwe lamasi nobusi, ungekasiniki nelifa lamasimi nezidiliya! Ucinga ukuba siziimfama? Asizi!”
15Wabhabhama ngumsindo uMosis, wathi kuNdikhoyo: “Uze ungawamkeli amadini ala madoda. Mna ndimsulwa kuwo; zange ndithathe nedonki le yawo.”
16-17UMosis wathi kuKora: “Ngomso wena naba bantu bakho bangamakhulu amabini anamashumi amahlanu ze niye esibingelelweni; noAron uya kubakho. Umntu ngamnye ke kuni aze athathe umcephe womlilo, awufake isiqhumiso, awuzise kwiqonga phambi koNdikhoyo.”
18Ngenene ke indoda nganye kubo yathatha umcephe womlilo, yawufaka amalahle nesiqhumiso, yema esangweni lesibingelelo kunye noMosis noAron. 19Ke kaloku uKora wabaqokelela bonke abangakuye, bema bajonga kuMosis noAron esangweni lesibingelelo. Kuthe kusenjalo suka kwavela ubuqaqawuli bukaNdikhoyo kumaSirayeli ephela, 20waza ke uNdikhoyo wabhekisa kuMosis noAron, wathi: 21“Khwelelani kwaba bantu. Ndiza kubatshabalalisa ngephanyazo!”
22Kambe ke uMosis noAron bakhahlela, bawa ngamadolo, badanduluka bathi: “Awu, Thixo, wena mthombo wobomi, kaloku kone umntu wamnye qha, ungathini ke ukusuka ulwe namaSirayeli ephela?”
23UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba 24athi kumaSirayeli: “Khwelelani kwimizi yooKora noDatan noAbhiram.” 25Ke kaloku uMosis wahamba waya kuDatan noAbhiram elandelwa ziinkokheli zamaSirayeli. 26Wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khwelelani kwimizi yala madoda akhohlakeleyo, ningakhe nichukumise nento le yawo, hleze nani nitshayelwe kunye nawo ngenxa yezono zawo.” 27Ngoko ke amaSirayeli azikhwebula kwimizi yooKora noDatan noAbhiram.
Ke kaloku uDatan noAbhiram babephumile, bema kwiminyango yezindlu zabo, ndawonye nabafazi nabantwana kwaneentsana. 28Ke uMosis wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Ngoku kuza kucaca kuni, kuba ngenene ezi zinto andizenzeli ngokuthanda kwam, koko nguNdikhoyo ondithuma ukuba ndizenze. 29Ukuba la madoda abulewe zizifo nje eziqhelekileyo, ze nazi ukuba akandithumanga uNdikhoyo. 30Kambe ke ukuba uNdikhoyo wenze into engazange ihle nanini na, kwavuleka umhlaba, waginya la madoda nako konke okwawo, ngohlobo lokuba ehle aye kwelabafileyo ehleli, ze niqonde kakuhle ke ukuba aba bantu bamdelile uNdikhoyo.”
31Wathi ke egqiba nje ukuthetha, suka waqhekeka umhlaba! 32Bimbilili wabaginya ooDatan noAbhiram ndawonye nemizi yabo, ngokunjalo nabalandeli bakaKora nako konke ababenako. 33Ngoko ke bangcwatywa behleli, baya kwelabafileyo ndawonye nako konke okwabo. Wabuya wavaleka ke umhlaba, banyamalala ke bona. 34Onke ke amaSirayeli awayelapho acela kooxhongo akusiva isikhalo sabo. Akhwaza athi: “Kunyembelekile! Sabani, hleze nathi usiginye umhlaba!”
35Kwaza ke kwaphuma umlilo uvela kuNdikhoyo, wawalenya atsha loo makhulu mabini anamashumi amahlanu amadoda awayesondeza isiqhumiso.
Imicephe yomlilo
36*UNdikhoyo ke wayalela uMosis, wathi: 37“Yithi kuElazare unyana wombingeleli uAron asuse imicephe yomlilo yobhedu kuthuthu lwalaa madoda atshileyo, aze wona amalahle akuyo awasarhaze, kuba imicephe leyo ingcwele. 38Kaloku yaba ngcwele ukusondezwa kwayo kuNdikhoyo. Makayithathe imicephe leyo yaloo madoda afe ngenxa yesono sawo, aze ayikhande ibe ngamacwecwe amcaba, agqume ngayo iqonga lamadini. Loo nto yoba sisikhumbuzo kumaSirayeli.”
39Ngenene ke uElazare umbingeleli wayithatha imicephe leyo, yaza yakhandwa yangamacwecwe okugquma iqonga lamadini. 40Esi ke yaba sisikhumbuzo kumaSirayeli, khon' ukuze angalibali ukuba akukho mntu uvumelekileyo ukuba aye kwiqonga lamadini, enze isiqhumiso phambi koNdikhoyo, engenguye owomlibo ka-Aron. Ngapha koko ke owenze into enjalo uya kutshatyalaliswa, axel' uKora nabantu bakhe. Yonke ke le nto yenziwa ngokomyalelo owathunyelwa nguNdikhoyo kuElazare ngoMosis.
UAron uhlangula amaSirayeli
41Ngomhla olandelayo ke ibandla lakwaSirayeli liphela lakhalazela uMosis noAron lisithi: “Nina nibulele abantu *bakaNdikhoyo.” 42Emva kokuba beqokelelene bagwayimbela uMosis noAron, bajika basingisa *ngasesibingelelweni, baza balibona ilifu lisigqumile ngequbuliso, ngokunjalo kwabonakala nobungangamsha bukaNdikhoyo. 43UMosis noAron baya kuma phambi kwesibingelelo. 44Ke uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: 45“Buy' umva, nikhwebuke kwaba bantu; ndiza kubatshabalalisa ngephanyazo!”
Kwesi sithuba ke bobabini bawa ngamadolo; 46waza ke uMosis wabhekisa kuAron wathi: “Thatha umcephe wakho womlilo, ugalele amalahle owathatha kwiqonga lamadini, uthi saa isiqhumiso. Wakugqiba ke, khawuleza uye phaya ebantwini ubacamagushele. Khawulezisa, kuba uNdikhoyo uyavutha ngumsindo, ibe ke sezibonakala iimpawu zikabhubhani.”
47Ngoko nangoko ke uAron wawuthobela umyalelo kaMosis, wawuthatha umcephe wakhe, wakhawuleza waya kungena phakathi kwebandla lamaSirayeli. Wathi akubona ukuba ubhubhani seleqalisile, wafaka isiqhumiso apho emalahleni, wawacamagushela amaSirayeli. 48Wema phakathi kwabahleliyo nabafi, wanqamka ubhubhani lowo. 49Ke kaloku abantu abafa ngeso sihlandlo sodwa yaba lishumi elinesine lamawaka anamakhulu asixhenxe, ngaphandle kwabo bafa mhla ngogwayimbo lukaKora. 50Akuba enqamkile ke ubhubhani lowo, uAron wabuyela kuMosis esangweni lesibingelelo.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy