YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 1

1
UYohane umbhaptizi
(Mat 3:1-12; Luka 3:1-18; Yoh 1:19-28)
1Naku ukusungulwa kweendaba ezimnandi ezingoYesu Krestu, uNyana kaThixo. 2Kunjengoko umshumayeli uIsaya walithethayo ilizwi likaThixo esithi:
“Naso isigidimi sam esiya kukwandulela
sikugabulele izigcawu.
3Kuvakala ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi:
‘Yilungiseleleni indlela iNkosi,
niyihlahlele umgaqo wayo.’ ”
4Entlango ke kwabonakala uYohane ebhaptiza, eshumayela ukuba abantu mabaguquke babhaptizwe, aze uThixo abaxolele izono zabo. 5Babephuma besiya kuye bonke abakwaJuda nabaseJerusalem, bezixela izono zabo, aze ababhaptize emlanjeni iJordan.
6UYohane wayesambatha ingubo yoboya benkamela, abhinqe ngethwathwa. Wayesitya iinkumbi nobusi. 7Wayeshumayela esithi: “Lowo uza emva kwam unamandla kunam. Bendingubani mna kakade ukuba ndingade ndikhulule imitya yezihlangu zakhe? 8Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.”
Ukubhaptizwa kukaYesu nokulingwa kwakhe
(Mat 3:13 – 4:11; Luka 3:21-22; 4:1-13)
9Ngaloo mihla ke weza uYesu, evela eNazarete kwelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eJordan apho. 10Kuthe kwangoko, akuphuma uYesu emanzini, izulu lavuleka, wabona uMoya oyiNgcwele esihla phezu kwakhe njengehobe. 11Kwavakala nelizwi elivela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe.”
12Kwangoko uMoya oyiNgcwele wamqhubela entlango uYesu. 13Waba lapho entlango iintsuku ezimashumi mane, elingwa nguSathana, ephakathi kwezilo zasendle. Izithunywa zezulu ke zazimlungiselela kwiintswelo zakhe.
Ukubizwa kwabafundi bokuqala
(Mat 4:12-22; Luka 4:14-15; 5:1-11)
14Emva kokubanjwa kukaYohane, uYesu waya eGalili, evakalisa iindaba ezimnandi ezivela kuThixo, 15esithi: “Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.”
16Ke kaloku kwathi ehamba ngakuLwandle lwaseGalili, wabona uSimon noAndreya umninawe wakhe bephosa umnatha elwandle. Kaloku bona babengabalobi beentlanzi. 17UYesu wathi kubo: “Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngabalobi babantu.” 18Bayishiya kwangoko ke iminatha yabo, bamlandela.
19Uthe ke, ehambele phambili kancinane, wabona uYakobi noYohane umninawe wakhe, oonyana bakaZebhedi, besesikhitshaneni sabo, belungisa iminatha yabo. 20Wababiza, baza ke bamshiya uyise uZebhedi esikhitshaneni apho enabaqeshwa, balandela uYesu.
Ukuphiliswa komntu onendimoni
(Luka 4:31-37)
21Bangena ke kwidolophu yaseKapernahum, waza ke uYesu *ngoMhla wokuqala wokuPhumla wafundisa *endlwini yesikhungo. 22Bamangaliswa abantu kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.
23Kwakukho umntu onendimoni endlwini yesikhungo apho, owayekhala esithi: 24“Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi ukuba ungubani na: ungoyiNgcwele kaThixo!”
25UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kulo mntu!”
26Ke indimoni leyo yamxhuzula loo mntu, yaphuma kuye ibhomboloza. 27Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “Yaz'ba yintoni na le nto! Ngaba yimfundiso entsha? Ngathi lo mfo ufundisa ngegunya! Ewe, neendimoni ezi uyazikhalimela zimthobele!”
28Lwathi ke udumo lukaYesu lwavakala kulo lonke elaseGalili.
Ukuphiliswa kwabaninzi
(Mat 8:14-17; Luka 4:38-41)
29Baphuma ke *endlwini yesikhungo, kwangoko baya kwindlu kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane. 30Ke umkhwekazi kaSimon wayelele, egula yifiva, baza bamxelela uYesu ukuba akaphilanga. 31Waya kuye uYesu, wamphakamisa embambe ngesandla; yaphela kwangoko loo fiva, waza wabalungiselela ukutya.
32Kwathi ke ngokuhlwa, selitshonile ilanga, abantu bazisa kuye bonke abagulayo nabaneendimoni. 33Bonke abantu baloo dolophu babehlanganisene ngasemnyango apho. 34UYesu ke waphilisa abaninzi abagula zizifo ngezifo, ekhupha neendimoni. Iindimoni ezi wayengazivumeli ukuba zithethe, kuba zazimazi.
Ukuthandaza nokushumayela kukaYesu eGalili
(Luka 4:42-44)
35Kwathi kusesekuseni kakhulu, kusemnyama, wavuka uYesu, waya kuthandaza ngasese. 36USimon nâbo babenaye baya kumfuna. 37Bakuba bemfumene, bathi kuye: “Uyafunwa ngumntu wonke.”
38Kambe ke yena wathi kubo: “Masihambe siye kwezinye iidolophu zalapha, ukuze nakhona ndizivakalise iindaba ezimnandi. Kaloku ndizele kanye loo nto.”
39Walityhutyha lonke elaseGalili, eshumayela *ezindlwini zesikhungo, ekhupha iindimoni.
Ukuphiliswa koneqhenqa
(Mat 8:1-4; Luka 5:12-16)
40Kwasuka mntu uthile uneqhenqa weza kuYesu, wambongoza eguqe phambi kwakhe, wathi: “Unako ukundihlambulula ukuba uyathanda.”
41UYesu wavelana naye, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye: “Ndiyathanda; hlambuluka.” 42Kwangoko laphela iqhenqa, wahlambuluka. 43Akuba emyale kabukhali, wamndulula kwangoko, 44esithi kuye: “Lumka ungaxeleli bani nento le. Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo ngezo zinto wazimiselayo uMosis, ube bubungqina ngokuhlanjululwa kwakho.”
45Kodwa yena akuphuma, wasuka wayibhengeza kakhulu le nto. Ngenxa yoko uYesu akabanga saba nako ukungena edolophini ebonwa ngabantu, koko wahlala emaphandleni. Abantu ke babesiza kuye, bevela macala onke.

Currently Selected:

UMARKO 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy