YouVersion Logo
Search Icon

UMALAKI 4

4
1*UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Inene iyeza imini evutha okweziko apho bonke abakhukhumeleyo nabenzi bobubi baya kutsha njengomququ. Ewe, ngaloo mini baya kutsha baphele tu, kungasali sebe nangcambu. 2Ke kuni, nina balihlonelayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma linempilo emaphikweni alo. Niya kukhululeka nidlobe njengamankonyana ephuma esibayeni. 3Ngemini endikwenzayo oku abakhohlakeleyo niya kubanyhasha; kaloku baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
Ukuthunywa kukaEliya
4“Ze niwukhumbule umyalelo wesicaka sam uMosis, nditsho loo mimiselo naloo miqathango ndayinikela uSirayeli ngoMosis eHorebhe.
5“Niyabona, phambi kwaloo mini kaNdikhoyo inkulu yoyikekayo ndiya kunithumela *umshumayeli uEliya.
6“Ke yena uya kuziguqulela koonyana iintliziyo zooyise, aze aziguqulele kooyise iintliziyo zoonyana, okanye bendiya kuza ndilitshabalalise ngokupheleleyo ilizwe.”

Currently Selected:

UMALAKI 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy