YouVersion Logo
Search Icon

UMALAKI 2

2
Ukukhalinyelwa kwababingeleli
1“Ngoko ke lo myalelo ubhekiswa kuni, babingelelindini.” 2*UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ukuba aniphulaphuli nizimisele ngeentliziyo zenu ukulihlonela igama lam, ndiya kunithumela ishwangusha, nentsikelelo yenu ndiyenze ibe lishwangusha. Ngenene sendiqalile ukunishwabulela ngenxa yokuba ningazimiselanga ukundihlonela ngeentliziyo zenu.
3“Niyabona, ndosinqamla isizukulwana senu, ubuso benu ndibutyabeke ngomswane, nize nilahlwe kunye naloo mswane. 4Noqala niqonde ke ukuba ndaninika lo myalelo ukuze umnqophiso wam noLevi ungaze wanqamka.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke. 5“Umnqophiso wam noLevi wawungowobomi noxolo, ndaza ke ndamnika ezo zinto ukuze andihlonele. Ngenene wandihlonela, waloyika igama lam. 6Imfundiso ephuma emlonyeni wakhe yayinyanisekile, kungafumaneki nkohliso emilebeni yakhe. Wahamba nam enoxolo nangokuthe ngqo, wabuyisa abantu abaninzi ebugwenxeni.
7“Imilebe yombingeleli imelwe kukugcina ulwazi, abantu bafumane umyalelo emlonyeni wakhe, kuba kaloku ungumthunywa kaNdikhoyo onamandla onke. 8Kambe ke, nina babingeleli, indlela niyityeshele. Imfundiso yenu ikhubekise abantu abaninzi. Niwonakalisile umnqophiso obuphakathi kwam noLevi.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke. 9“Ngenxa yoko nam ndonenza nideleke, nibe ngabahlazekileyo ebantwini bonke. Kaloku anizigcinanga iindlela zam, suka naba nesheyi kwimicimbi ephathelele emthethweni.”
Ukunganyaniseki kuThixo
10Andithi na kaloku mnye ubawo wethu? Asidalwanga nguThixo omnye sonke na? Ngani ke ukuba singanyaniseki omnye komnye, futhi siwuxabhele umnqophiso owenziwa nguThixo noobawo?
11Abantu bakwaJuda bazaphule izibhambathiso; benze amasikizi kwelakwaSirayeli naseJerusalem. Ewe, abantu bakwaJuda basixabhele isibingelelo asithandayo *uNdikhoyo, batshata neentombi ezinqula uthixo wasemzini. 12Ngamana ke uNdikhoyo wamsika kumzi wakwaYakobi nabani na owenza isikizi elinje, nokuba angade azise iminikelo kuNdikhoyo onamandla onke.
13Nantsi enye into eniyenzayo: Iqonga likaNdikhoyo nilitsho lithi gwantyi ziinyembezi, nintywizisa nincwina, kuba engasayise so iminikelo yenu, engasayamkeli ngothakazelelo ezandleni zenu. 14Ke nina nithi: “Ngaba kutheni?” Kungenxa yokuba uNdikhoyo eyazi into eyenzekileyo phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho. Kaloku uzaphule izithembiso owazenza kunye naye, yena mlingane wakho, nditsho umfazi wakho onqophisene naye.
15Andithi na kaloku uNdikhoyo indoda nomfazi wabenza baba banye ngomzimba nangomoya? Ngani abenze babe banye? Wayefuna babe nenzala emhlonelayo uThixo. Ngoko ke wulawuleni umoya wenu, ungazaphuli izithembiso ozenze nomfazi wobutsha bakho.
16“Ndiluthiyile uqhawulo-mtshato,” utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli. “Indoda eyenjenjalo imambathisa ngenkohlakalo umfazi wayo,” utsho uNdikhoyo onamandla onke.
Ngoko ke wulawuleni umoya wenu, ningazaphuli izithembiso zenu.
Umhla wokugweba
17*UNdikhoyo udiniwe ngamazwi enu, nibe nisithi: “Simdinise ngantoni?”
Nimdinise ngokuthi: “Bonke abenzi bobubi balungile emehlweni kaNdikhoyo; yena wanelisekile ngabo.” Kwakhona ke nina nithi: “Yaz'ba uphi na uThixo wobulungisa?”

Currently Selected:

UMALAKI 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy