YouVersion Logo
Search Icon

UMALAKI 1

1
Intshayelelo
1Nalu udaba olundilisekileyo, nditsho ilizwi *likaNdikhoyo kumaSirayeli eleza noMalaki.
Ukuthandwa kukaSirayeli
2*UNdikhoyo uthi: “Ndiyanithanda.”
Kodwa nina nithi: “Usithanda njani?”
Utsho ke uNdikhoyo ukuthi: “UEsawu asimtakwabo-Yakobi na? Kanti uYakobi yena ndimthandile, 3ndaza uEsawu ndamthiya, nomhlaba wakhe weentaba ndawutsho waba yinkangala, ilifa lakhe laba leleempungutye zasentlango.”
4AmaEdom angasuka athi: “Nakuba sikhahlelwe phantsi nje, kodwa sosuka siwavuse siwakhe la mabhodlo.”
Ke utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Makakhe kaloku, kodwa mna ndosuka ndidilize konke nje. Kuya kuthiwa bangummandla wobugwenxa, abantu abasoloko bephantsi kwengqumbo kaNdikhoyo. 5Nani ke niya kuyibona ngawenu amehlo le nto, nitsho nithi: ‘Hayi ke kambe ubungangamsha bukaNdikhoyo! Bufikelela nangaphaya kwemida yakwaSirayeli!’ ”
Amadini angamkelekanga
6“Unyana uyamhlonela uyise, kanti nesicaka siyayithobela inkosi yaso. Ukuba ke mna ndinguyihlo, kuphi ukuhlonitshwa kwam? Ukuba ndiyinkosi, kuphi ukoyikwa kwam?” Utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Nini, babingelelindini, abalidelayo igama lam.”
“Ke nina nithi: ‘Silidele ngokuthini igama lakho?’
7“Nibeka ukutya okungcolileyo eqongeni lam lamadini, nibe kodwa nisithi: ‘Sikunyelise ngokuthini?’
“Ewe, ngokuthi kwenu: ‘Isithebe sikaNdikhoyo sidelekile.’ 8Ningathini ukundenzela idini ngento etyhaphakileyo? Asiyonto imbi na leyo? Ningathini ukundenzela amadini ngempahla eqhwalelayo negulayo? Asiyonto imbi na leyo? Ninganikela ngayo na kwirhuluneli yenu? Ngaba inganeliseka na nguwe?” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
9“Ke ngoko khanimbongoze uThixo ukuze asenzele inceba! Oku kwenziwe zizandla zenu; ngaba uya kunamkela na?” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
10“Akwaba bekungakho ubani kuni owavalayo amasango ale ndlu, ukuze niyeke ukwenza imililo ephuthileyo kweli qonga! Andanelisekanga tu nini, futhi andiyi kwamkela nto esandleni senu.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke. 11“Ukususela empumalanga, kuye entshonalanga, igama lam loba yimbalasane ezizweni. Ewe, kuyo yonke indawo igama lam lenzelwa iziqhumiso, kunikelwa iminikelo ehlambulukileyo; kaloku igama lam liyimbalasane ezizweni.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
12“Ewe, nilixabhele igama lam ngokuthi: ‘Isithebe sikaNdikhoyo singcolile, nokutya okuphezu kwaso kuyanyanyeka.’ 13Niphinde nithi: ‘Kwekh' olu xanduva!’ Nitsho nisisinekele.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
“Xa nindizisela imphahla ebiweyo neqhwalelayo negulayo, nindenzela amadini ngayo, nithi mandiyamkele ezandleni zenu loo nto?” Utsho uNdikhoyo. 14“Hay' ishwangusha kumntu onobuqhophololo, othi enalo iduna elingenasiphako kumhlambi wakhe, abhambathise ukunikela ngalo, kodwa abuye enze ubuqili anikele ngelinesiphako eNkosini! Kaloku ndiyingangalala yokumkani, negama lam liyoyikeka phakathi kweentlanga.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

Currently Selected:

UMALAKI 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy