YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 24

24
Ukuvuka kukaYesu
(Mat 28:1-10; Marko 16:1-8; Yoh 20:1-10)
1Kwakusekusasa ngeCawe ukunduluka kwâbo bafazi besiya engcwabeni, bephethe iziqholo ababezilungisile. 2Balifumana ilitye liqengqiwe, lisusiwe engcwabeni. 3Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu. 4Kwathi, besakhohliwe yile nto, kwathi gqi amadoda amabini ngakubo, enezambatho ezibengezelayo. 5Basuka boyika abafazi, baqondela phantsi, aza athi loo madoda: “Yini na ukuba ophilayo nimfune kwabafileyo? [ 6Akakho apha, uvukile.] Khumbulani awakuthetha kuni esekwelaseGalili, 7esithi: ‘*UNyana woLuntu umelwe kukunikelwa ezandleni zaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.’ ”
8Bawakhumbula ke amazwi akhe. 9Bebuyile engcwabeni abafazi abo bazixela zonke ezo zinto kubafundi abalishumi elinanye nakubo bonke abanye. 10YayinguMariya waseMagadala, noYohana, noMariya unina kaYakobi, nabanye abafazi ababenabo, abazixeláyo ezi zinto *kubathunywa. 11Kubafundi oku kuthethwa ngaba bafazi kwaba ngathi kukulavuza, baza abakholwa. [ 12Kodwa yena uPetros usuke wabaleka, waya engcwabeni, wathi akukhangela, wabona ingubo yelinen iyodwa, waza wagoduka emangalisiwe koko kwenzekileyo.]
UYesu uzibonakalisa e-Emawusi
(Marko 16:12-13)
13Kwangaloo mini kwasuka abafundi ababini baya e-Emawusi, idolophana emalunga neekhilomitha ezilishumi elinambini ukusuka eJerusalem. 14Babethetha ngako konke okwakuthe kwenzeka. 15Kwathi besathetha bebuzana, uYesu ngenkqu wasondela wahamba nabo, 16kodwa bembona nje, kwasitheliswa kubo ukuba bamnakane. 17UYesu ke wathi kubo: “Zizinto zini na ezi nihamba nincokola ngazo?”
Bema ke bematshekile; 18waza waphendula omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye: “Nguwe kuphela na kwababekho eJerusalem ongazaziyo izinto ezenzeke khona kwezi ntsuku?”
19Wathi kubo: “Zinto zini na?”
Bathi bona kuye: “Ezo zingoYesu waseNazarete, *owayengumshumayeli onamandla amakhulu ekwenzeni imiqondiso nasekuthetheni, engqinelwa nguThixo nangabo bonke abantu. 20Ababingeleli abaziintloko nabaphathi bethu bamnikela ukuba agwetyelwe ukufa, waza wabethelelwa emnqamlezweni. 21Ke thina besithembe ukuba nguye owokhulula uSirayeli. Kunjalo nje namhlanje lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto. 22Kanti abafazi abathile beqela lethu, abathe baya engcwabeni kwakusasa, basothusile, 23kuba bengawufumani umzimba wakhe, babuye besithi babone umbono wezithunywa ezithi uyaphila. 24Basuka nabanye bethu, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi. Ke yena abambonanga.”
25Waza uYesu wathi kubo: “Ninje na kanti ukungaqondi! Nithatha kade kangaka na ukukholwa kuko konke abâkuthetháyo *abashumayeli! 26*UKrestu ebengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze anyuselwe ewongeni?” 27Wabachazela kuzo zonke *iziBhalo iindawo ezithetha ngaye, eqalela kwiincwadi zikaMosis, waya kutsho kuzo zonke ezabashumayeli bamandulo.
28Basondela ke kuloo dolophana babesiya kuyo, wanga uYesu uyagqitha; 29baza bona bamcela besithi: “Hlala nathi, kuba kuyahlwa, nemini seyimkile.” Wangena ke ukuba ahlale nabo. 30Wathi, esetafileni kunye nabo, wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika. 31Aqabuka amehlo abo, bamazi. Wathi shwaka yena kubo. 32Baza bathi omnye komnye: “Iintliziyo zethu bezingavuthi na luvuyo xa ebethetha nathi endleleni esityhilela iziBhalo?”
33Besuka kwangelo lixa, babuyela eJerusalem, babafumana abafundi abalishumi elinanye behlanganisene ndawonye kunye nâbo babenabo, 34besithi: “Inene, iNkosi ivukile! Ibonakele kuSimon.” 35Bakubalisa ke okwenzeke endleleni, nokutyhileka kweNkosi kubo xa yayiqhekeza isonka.
UYesu uzibonakalisa kubafundi bakhe
(Mat 28:16-20; Marko 16:14-18; Yoh 20:19-23; Mseb 1:6-8)
36Ke kaloku, besazithetha ezi zinto, uYesu ngenkqu wema phakathi kwabo, [wathi kubo: “Uxolo malube nani.”]
37Basuka bankwantya, baba babona into engengomntu ncam. 38Wathi kubo: “Yini na ukuba nothuke? Kutheni na ukuba nibe nentandabuzo? 39Khangelani izandla zam, niqonde ukuba ndim kanye. Ndiphatheni niqondisise ukuba ndingumntu, ndinenyama namathambo, njengoko nindibona ndinjalo.” [ 40Etshilo wababonisa izandla neenyawo zakhe.]
41Ke kaloku, bâthi bengekakholwa, bemangalisiwe bevuya, wathi kubo: “Ninanto ityiwayo na apha?” 42Bamnika intwana yentlanzi eyojiweyo, 43wayithatha, wayitya bejongile.
44UYesu ke wathi kubo: “Zizo ezi izinto endazithethayo kuni ndisenani, ndisithi zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam *emthethweni kaMosis, nasezincwadini *zabashumayeli, nasezindumisweni.”
45Waza ke wazikhanyisela iingqondo zabo, ukuze baziqonde *iziBhalo; 46wathi kubo: “Kubhalwe kwathiwa *uKrestu umelwe kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu. 47Kukwabhalwe kusithiwa zothi egameni lakhe zivakaliswe kuzo zonke iintlanga iindaba zenguquko noxolelo lwezono, kuqalelwa eJerusalem. 48Nina ke ningamangqina ezi zinto. 49Niyabona, mna ndilinika nina idinga likaBawo. Ze nihlale ke eJerusalem nide nixhotyiswe ngamandla avela phezulu.”
UYesu unyuselwa ezulwini
(Marko 16:19-20; Mseb 1:9-11)
50UYesu ke waphuma nabafundi bakhe, wabasa ngaseBhetani; waza waphakamisa izandla zakhe, wabasikelela. 51Kwathi esabasikelela, wahlukana nabo, [wanyuswa wasiwa ezulwini]. 52Ke bona [bakuba bequbudile,] babuyela eJerusalem benovuyo olukhulu; 53baza basoloko bekho *endlwini kaThixo, bembonga uThixo.

Currently Selected:

ULUKA 24: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy