YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 19

19
Ummandla owabelwa uSimon
1*Iqashiso lesibini laphumela isizwe sakwaSimon ngokwezindlu zaso. Ilifa laso lalikummandla wakwaJuda. 2Umhlaba wakwaSimon wawuquka iBheshebha, iShebha, iMolada, 3iHazare-shuwali, iBhala, ne-Ezem, 4iEltoladi, iBhetuli, iHoma, 5iZikelagi, iBhete-markabhoti, iHazare-susa, 6iBhete-lebhawoti, kunye neSharuhen. Yayizizixeko ezilishumi linantathu kunye neelali ezazizingqongile.
7Kwakukwakho neAyin, iRimon, iEtere, kunye neAshan; izixeko ezine kunye neelali ezizingqongileyo. 8Zonke iilali ezazingqonge ezo zixeko zazikwalapho kude kuse eBhalati-bhere (ekuthiwa yiRama) kwintlango engasezantsi.
Nguwo ke lowo umhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaSimon, waba lilifa lazo. 9Umhlaba wakwaJuda inxalenye yawo yabelwa isizwe sakwaSimon ukuba ibe lilifa laso, kuba wawumkhulu ngaphezu kokuba isizwe sakwaJuda sasiwudinga.
Ummandla owabelwa uZebhulon
10Ngesihlandlo sesithathu *iqashiso laphumela isizwe sakwaZebhulon ngokwezindlu zaso. Umda welifa lesi sizwe waya kuma ngeSaridi. 11Ukusuka apho umda wacanda ngasentshona waya kutsho eMarala, wegqitha eDabhesheti nakwintlambo iYokeneham. 12Kwicala elingaphaya kweSaridi wenjenjeya ukuya ngasempuma kumda weKiseloti-tabhore, wedlulela eDabherati ukusinga eYafiya. 13Ukusuka apho wakhweza kwicala langasempumalanga, ujonge eGati-hefere nase-Eti-kazin, wajika wajonga ngaseRimon usinga eNeha. 14Umda ngasemantla wajika apho wasinga ngaseHanaton, waya kuma kwintili i-Ifeta-eli. 15Wawuquka ezi zixeko: iKatati, iNalali, iShimron, i-Idala, kunye neBhetelehem. Yaba lishumi linambini lezixeko kunye neelali ezizingqongileyo. 16Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaZebhulon.
Ummandla owabelwa uIsakare
17Ngesesine isihlandlo *iqashiso laphumela isizwe sakwaIsakare ngokwezindlu zaso. 18Kummandla waso kwakukho izixeko iYizereli, iKesuloti, iShunem, 19iHafarayim, iShiyon, iAnarati, 20iRabhiti, iKishiyon, iEbheze, 21neRemeti, iEn-ganim, iEn-hada, kunye neBhete-pazeze. 22Lo mda wadibanisa iTabhore, iShazuma, kunye neBhete-shemeshe, uye kuma ngeJordan. Wawunezixeko ezilishumi linantandathu kunye neelali ezizingqongileyo. 23Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaIsakare ukuze ube lilifa lazo.
Ummandla owabelwa uAshere
24Ngesihlandlo sesihlanu *iqashiso laphumela isizwe sakwa-Ashere ngokwezindlu zaso. 25Ummandla wesi sizwe wawuquka izixeko iHelekati, iHali, iBheten, neAkeshafi, 26kwakunye neAlam-meleki, iAmadi, kunye neMishali. Ngasentshonalanga wawudlula eKarmele naseShikore-libhenati. 27Ukujika kwawo ngasempumalanga wawusinga ngaseBhete-dagoni, udlule kwaZebhulon nakwintili i-Ifeta-eli ukubheka ngasentla eBhete-emeki naseNeyeli. Wenjenjeya ukunyuka ucanda ngasekunene kweKabhuli, 28ujonge e-Ebron, eRehobhi, eHamon, naseKana, ukuya kutsho kwiSidon enkulu. 29Wawujika apho ujonge eRama, ude uye kutsho kwisixeko saseTire esinqatyisiweyo, ujike ujonge ngaseHosa, uye kuma ngolwandle. Wawuquka iMahalabhi, iAkezibhi, 30iUma, iAfeki, kunye neRehobhi. Yayingamashumi mabini nambini ezixeko kunye neelali ezizingqongileyo. 31Zazikummandla welifa lesizwe sakwa-Ashere ezi zixeko kunye neelali ezizingqongileyo.
Ummandla owabelwa uNafetali
32Ngesesithandathu isihlandlo *iqashiso laphumela isizwe sakwaNafetali ngokwezindlu zaso. 33Umda waso wawusuka eHelefe uye kutsho kum-oki oseZananim, udlulele eAdami-nekebhe naseYabheneli kude kuse eLekum, uye kuma ngeJordan. 34Apho wawufika ujonge ngasentshonalanga uye eAzenoti-tabhore, usuke apho uye eHukoki, ubethe ngakuZebhulon emazantsi, udlule kwa-Ashere ngasentshonalanga, naseJordan kwicala langasempumalanga. 35Izixeko ezazinqatyisiwe yayiyiZidim, iZera, iHamati, iRakati, iKinerete, 36iAdama, iRama, iHazore, 37iKedeshe, iEdreyi, kunye ne-En-hazore, 38iYiron, iMigdali-eli, iHorem, iBhete-anati, kunye neBhete-shemeshe. Yayilishumi linethoba lezixeko kunye neelali ezizingqongileyo. 39Ezo zixeko kunye nezo lali zazikummandla owabelwa izindlu zesizwe sakwaNafetali zaba lilifa lazo.
Ummandla owabelwa uDan
40Ngesesixhenxe isihlandlo *iqashiso laphumela isizwe sakwaDan ngokwezindlu zaso. 41Ummandla waso wawuquka iZora, iEshtawoli, i-Ire-shemeshe, 42kunye neShalabhim, iAyalon, i-Itela, 43iElon, neTimnata, kunye ne-Ekron, 44uthathe ne-Elteke, iGibheton, iBhalata, 45iYehudi, iBhene-bheraki, iGati-rimon, 46iMeyakon, neRakon, kunye nommandla ojongene neJopa. 47Athi akulahlekelwa ngumhlaba wawo amaDan aya kuhlasela iLeshem. Ayithimba yaba yeyawo akuba ebabulele abemi balapho. Ema apho, alijika negama layo iLeshem, athi ukuyibiza kwayo yiDan, eyithiya ngokhokho wawo uDan. 48Ezi zixeko nezi lali zaba ngumhlaba owaba lilifa lesizwe sakwaDan.
Umhlaba owabelwa uYoshuwa
49Athi akugqiba ukuwaba amaSirayeli umhlaba, abela uYoshuwa unyana kaNune elakhe ilifa 50ngokomyalelo *kaNdikhoyo. Amnika iTimnata-sera, isixeko awasicelayo. ITimnata-sera yayikweleentaba kwaEfrayim. Wasivusa eso sixeko uYoshuwa, wahlala apho.
51UElazare umbingeleli, ekunye noYoshuwa unyana kaNune, kwakunye neentloko zezindlu zezizwe zakwaSirayeli, babeyaba le mimandla ngokwenza *amaqashiso phambi koNdikhoyo eShilo ngasekungeneni *kwesibingelelo. Bawaba ke ngolo hlobo loo mhlaba bada bagqiba.

Currently Selected:

UYOSHUWA 19: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy