YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 11

11
Ukuchithwa komkhosi kaJabhin namakholane akhe
1Ukumkani uJabhin waseHazore uthe akuva ngeziqwenga ezazisenziwa ngamaSirayeli, wathumela isigidimi kukumkani uJobhabhi waseMadon nakwiikumkani zaseShimron naseAkeshafi, 2nakwiikumkani ezazikweleentaba emantla, eJordan kwintili esemzantsi woLwandle lwaseGalili, emazantsi eentaba, nakunxweme lwangaseDore. 3Wasithumela nakumaKanana aphahle iJordan, kuma-Amori, kumaHeti, kumaPerezi, nakumaJebhusi kweleenduli, kwanakumaHivi awayemi phantsi kwentaba iHermon kummandla waseMizpa. 4Ezo kumkani zeza nemikhosi yazo yonke, inyambalala yamajoni esith' ilanga, ekwanjalo namahashe neenqwelo ubuninzi. 5Zahlanganisa imikhosi yazo ezo kumkani, zaya kugxumeka iintente ngakumlanjana iMerom, zilungele ukulwa namaSirayeli.
6*UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Uzungaboyiki wena. Ngeli xesha ngomso ndoba sendiwancedile amaSirayeli ukubabulala bonke. Kufuneka amahashe abo niwatshece imisipha, nezo nqwelo zabo nizintumeke umlilo.” 7Nanko ke uYoshuwa nomkhosi wakhe wonke eyiqubula loo mikhosi ngakuloo mlanjana iMerom. 8Wayinikela ezandleni zabo loo mikhosi uNdikhoyo, bayoyisa, bayisukela ukuya kutsho emantla eMisefoti-mayim naseSidon enkulu, kwaya kutsho entshonalanga kuloo ntili yaseMizpa. Babatyakatya kwada akwabikho namnye useleyo. 9Ngokomyalelo kaNdikhoyo uYoshuwa wawatsheca imisipha loo mahashe abo, watshisa nezo nqwelo zabo.
10Wajika apho uYoshuwa, waya kuthimba iHazore, wayibulala nekumkani yalapho. (Ngaloo mihla iHazore yayisesona sikumkani siyinjinga kwezo zalapho.) 11Kwabulawa wonke umntu apho, akwasinda namnye, neso sixeko satshatyalaliswa ngomlilo.
12Wazithimba zonke ezo zixeko ezinookumkani uYoshuwa, ebulala wonke umntu kwanokumkani, kanye njengoko wayeyalelwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo. 13Kambe ke akazange azitshise amaSirayeli izixeko ezazakhiwe ezindulini; yaba yiHazore yodwa awathi uYoshuwa mayitshiswe. 14AmaSirayeli emka nawo amaxhoba nemfuyo yezo zixeko. Ababulala bonke abantu, akashiya namnye. 15Kaloku uNdikhoyo wayalela uMosis, waza uMosis yena wayigqithisela kuYoshuwa loo miyalelo, ke yena uYoshuwa wayithobela. Wenza konke okwayalelwa nguNdikhoyo kuMosis.
Ummandla owathinjwa nguYoshuwa
16UYoshuwa wawuthimba wonke loo mhlaba: eleenduli, amazantsi eentaba ngasemantla nangasemazantsi, wonke ummandla waseGoshen, nentlango esezantsi, kwakunye naloo ntili yeJordan. 17-18Lo mmandla usuka kwintaba iHalaki ngase-Edom ezantsi, wenjenjeya ukuya kutsho eBhali-gadi emantla kuloo ntili yeLebhanon ngaphantsi kwentaba iHermon. UYoshuwa walwa ithuba elide neekumkani zalapha, kodwa ekugqibeleni wazoyisa, wazibulala. 19YiGibheyon qha isixeko esanqophisana namaSirayeli. Kulapho ayehlala khona amaHivi. Zonke ezinye izixeko zoyiswa edabini. 20*UNdikhoyo wazinika isibindi sokulwa namaSirayeli, khon' ukuze zitshatyalaliswe ziphele tu kungekho lusizi. Yayingumyalelo kaNdikhoyo lowo kuMosis.
21Ngelo xesha uYoshuwa waya kutshabalalisa ama-Anaki ahlala kweleenduli eHebron, eDebhiri, eAnabhi, nakuzo zonke iinduli zakwaJuda nakwaSirayeli. Wawatshabalalisa kunye nezixeko zawo zonke uYoshuwa. 22KwaSirayeli akuzange kusinde namnye umntu wesizwe sama-Anaki. Babekho kambe abasindayo eGaza, eGati, naseAshdode.
23Wawuthimba wonke loo mhlaba uYoshuwa ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis. Wawunika amaSirayeli ukuba bawume, libe lilifa lawo, khon' ukuze isizwe ngasinye sifumane indawo yaso.
Kwabakho uxolo elizweni.

Currently Selected:

UYOSHUWA 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy