YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 1

1
Intshayelelo
1KwelaseUze kwakukho indoda egama linguYobi. Wayengumfo olungileyo engenabala, umfo omhlonelayo uThixo eyithiyile into embi. 2Wayenoonyana abasixhenxe neentombi ezintathu. 3Wayefuyile eneegusha ezingamawaka asixhenxe, amawaka amathathu eenkamela, newaka leenkabi zeenkomo, needonki ezingamakhulu amahlanu. Ngokunjalo ke lo mfo wayenenyambalala yezicaka. Ke uYobi lo wayeyeyona ndoda isisinhanha kubo bonke abantu kwelasempuma.
4Ke kaloku oonyana bakaYobi babedla ngokuqokelelana benze umbhiyozo endlwini yalowo yayiyimini yakhe. Babemema noodade babo abathathu ukuza kutya basele kunye nabo. 5Wakuba lo mbhiyozo ujikeleze kubo bonke uYobi wayedla ngokubabiza abantwana bakhe ukuze abahlambulule. Wayevuka kusasa kakhulu, abenzele amadini atshiswayo ngabanye ngabanye. Kaloku uYobi wayesithi: “Mhlawumbi kusenokwenzeka ukuba abantwana bam bonile bamtshabhisa uThixo ezintliziyweni zabo.” Wayesenjenjalo ke uYobi ngayo yonke imihla yakhe.
UYobi uyavavanywa
6Ngamhla uthile izidwangube zakwaThixo zaya *kuNdikhoyo, noSathana ke ephakathi kwazo. 7UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Uvela phi wena?”
Ke yena uSathana waphendula uNdikhoyo wathi: “Ndivela ekubhaduleni, ndisihla ndinyuka, ndijikeleza ehlabathini.”
8UNdikhoyo wathi kuSathana: “Usiqondile kodwa isicaka sam uYobi? Akakho onjengaye ehlabathini liphela. Yena ngumfo othembekileyo ongenabala, indoda emhlonelayo uThixo, eyicezelayo into embi.”
9USathana wamphendula uNdikhoyo wathi: “Kungaba kungelize na ukuba uYobi afumane amoyike uThixo? 10Kaloku wena umbiyele; usoloko umphahlile yena nendlu yakhe, nako konke anako. Uwuthamsanqele wonke umsebenzi wezandla zakhe, yaye nemfuyo yakhe iye isanda ngokwanda elizweni. 11Nangoku ke khawolule isandla sakho uchukumise yonke le nto anayo; uya kubona, uya kukushwabulela nawe lo!”
12UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, ungayenza into oyenzayo kwinto yonke anayo, kodwa uze ungakhe ulinge umchukumise yena siqu.”
USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo.
13Ngenye imini xa oonyana bakaYobi neentombi zakhe babebhiyoza besitya besela endlwini yenkulu yakhe, 14kwafika isigidimi kuYobi, sathi: “Besilima ngeenkabi, zona iidonki zisitya kwalapho kufutshane; 15kwaza kwagaleleka amaSabha, asihlasela, azithimba ezo nkomo needonki. Ke zona izicaka zakho azibulele ngekrele; kusinde mna ndedwa ukuze ndikwazise.”
16Eso sicaka sathi sisathetha njalo kwafika esinye isigidimi, sathi: “Zonke iigusha zakho ngokunjalo nabelusi zibethwe ngumbane zafa; kusinde mna ndedwa ukuze ndikwazise.”
17Sisathetha njalo kwagaleleka esinye, safika sathi: “Sihlaselwe ngamaqela amathathu amaKaledi, afika azithimba iinkamela, abelusi ababulala ngekrele, yandim ndedwa osindayo ukuze ndikwazise.”
18Eso sigidimi sathi sisachaza njalo, kwagaleleka esinye, safika sathi: “Oonyana neentombi zakho bebesendlwini yonyana wakho omkhulu, bebhiyoza, besitya, besela iwayini, 19kwaza kwasuka kwavuthuza inkanyamba, ivela ngasentlango. Isuke yadlikidla amacala omane endlu leyo, yabawela abantwana abo, bafela apho bonke; ndim ndedwa osindileyo. Ewe, ndim kuphela osindileyo ukuze ndikubikele.”
20Kwesi sithuba ke uYobi waphakama, wakrazula umnweba wakhe, wayigugula intloko yakhe, waza ke wee guqaqa wanqula, 21wathi:
“Ndazalwa nguma ndizé, ndaye ke ndiya kunduluka ndikwazé.
NguNdikhoyo onikayo, ikwanguye nothathayo.
Malidunyiswe igama likaNdikhoyo!”
22Kuyo yonke le ntlekele uYobi zange one okanye akhalazele uThixo.

Currently Selected:

UYOBI 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy