YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 8

8
Umfazi obanjwe ekrexeza
[ 1UYesu yena waya eNtabeni yemiNquma. 2Lakuphuma ilanga ngosuku olulandelayo, wabuyela *endlwini kaThixo. Isihlwele samngqonga, waza wahlala phantsi, wabafundisa abantu. 3Abachazi-mthetho *nabaFarasi beza nomfazi owayebanjwe ekrexeza, bammisa phambi kwabantu; 4baza bathi kuYesu: “Mfundisi, lo mfazi ubanjwe ekrexeza. 5Emthethweni wethu uMosis uthi umfazi onjalo makagityiselwe ngamatye abulawe. Ke wena ngaba uthi makathiweni?” 6Besitsho nje, babemthiyisela, befuna athethe into abanokummangalela ngayo. Kodwa uYesu wathoba, wabhala ngomnwe emhlabeni.
7Besamile njalo bembuza, waphakama, wathi kubo: “Ongenasono kuni makube nguye ogibisela ilitye lokuqala.” 8Waphinda wathoba uYesu, wabhala emhlabeni. 9Bekuvile oko, bemka bonke ngabanye ngabanye, baqalela kwabadala. Kwasala uYesu nomfazi lowo, esemi apho. 10Waphakama uYesu, wathi kuye: “Baphi na abamangaleli bakho? Akukho namnye na oshiyekileyo?”
11Waphendula wathi: “Namnye, Nkosi.”
Wathi uYesu: “Nam ke andikugwebi. Hamba, ungàbuye wone.”]
UYesu ukhanyiselo lwehlabathi
12UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”
13Baza *abaFarasi bathi kuye: “Wena uzingqinela ngokwakho. Ngenxa yoko ubungqina bakho abamkeleki.”
14Waphendula uYesu wathi kubo: “Nangona indim ozingqinelayo, buyinyaniso ubungqina bam, kuba ndiyazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona; nina aniyazi imvelaphi yam; nalapho ndiya khona anazi. 15Nina nigweba ngokwabantu. Mna akukho namnye endimgwebayo. 16Kodwa ke, ukuba ndithe ndagweba, isigwebo sam sithembekile; kuba andindedwa, ndikunye noBawo ondithumileyo. 17Nasemthethweni wenu kubhalwe kwathiwa ubungqina bamagqina amabini banele. 18Mna ndizingqinela ngokwam, abe kwanoBawo owandithumayo endingqinela.”
19Baza bathi kuye: “Uphi loo Yihlo?”
Waphendula uYesu wathi: “Kwankqu mna lo anindazi, noBawo ningamazi. Ukuba ke benindazi mna, noBawo ngenimazi.”
20Konke oku kwathethwa nguYesu efundisa *endlwini kaThixo, ekwigumbi leminikelo; kodwa akubangakho namnye umbambayo, kuba lalingekafiki ixesha.
“Apho ndiya khona mna aninakuya nina”
21Waphinda uYesu wathi kubo: “Ndiyemka mna; ke nina niya kundifuna; yaye niya kufela ezonweni zenu. Apho ndiya khona mna, aninakuya nina.”
22Ke ngoko athi amaJuda: “Ngaba bethu úza kuzibulala, esithi nje apho aya khona thina asinakuya?”
23Waza wathi kuwo: “Nina ningabalapha phantsi; mna ndivela phezulu. Nina ningabeli hlabathi; mna andinguye oweli hlabathi. 24Kungoko nditshoyo ukuthi niya kufela ezonweni zenu. Ukuba anithanga nakholwa okokuba ndinguye endinguye, niya kufela ezonweni zenu.”
25Ambuza ke esithi: “Ungubani wena?”
Wathi kuwo uYesu: “Ndingulowo ndandithe ndinguye kwasekuqalekeni. 26Ndinezinto ezininzi endingázithethayo ngani, ndinigwebe nokunigweba ngenxa yazo. Kaloku lowo undithumileyo uyinyaniso; ke mna ihlabathi ndilixelele kuphela oko ndikuvileyo ngaye.”
27AmaJuda akazange aqonde okokuba uYesu uthetha nawo ngoYise, 28waza wathi kuwo uYesu: “Xa nithe namphakamisa *uNyana woLuntu, noqonda ke ukuba ndinguye endinguye. Noqonda ke okokuba mna andenzi nto ngagunya lam, koko ndithetha kuphela oko ndikufundiswe nguBawo. 29Lowo undithumileyo unam; akandishiyanga ndodwa, kuba ndisoloko ndisenza oko kukholekileyo kuye.”
30Bakumva ethetha ezi zinto, abantu abaninzi ithemba labo balibeka kuYesu.
“Inyaniso iya kunenza nikhululeke”
31Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene. 32Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”
33Aphendula amaJuda athi kuye: “Thina siyinzala ka-Abraham; zange sibe ngamakhoboka nanini na. Uthetha ukuthini ke xa uthi siya kukhululeka?”
34Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono. 35Ikhoboka alinalungelo lisisigxina emzini; onelungelo elinjalo emzini ngunyana. 36Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela. 37Ndiyazi ukuba niyinzala ka-Abraham. Nakuba kunjalo nizimisele ukundibulala, kuba alingeni kuni ilizwi lam. 38Mna ndithetha endikubonileyo kowam uBawo; ke nina nenza enikuvileyo kowenu uyihlo.”
39Amphendula athi: “Ubawo nguAbraham.”
Wathi kuwo uYesu: “Ukuba beningabo abantwana baka-Abraham, ngenimfuza ngezenzo. 40Kanti naku nina nifuna ukundibulala, mna mntu unixelela inyaniso endiyive kuThixo. UAbraham akazange enze nto injalo. 41Nina nenza okwenziwa nguyihlo.”
Aza athi kuye: “Thina asiyomigqakhwe. Owethu uBawo mnye; nguThixo.”
42Wathi kuwo uYesu: “Ukuba uThixo ebenguyihlo ngenene, ngenindithanda; kuba ndilapha nje, ndivela kuThixo. Kaloku andizizelanga ngagunya lam; ndithunywe nguye. 43Kutheni ningayiqondi nje intetho yam? Kungenxa yokuba ningakwazi ukulibamba ilizwi lam. 44Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye. 45Kodwa mna ndinixelela inyaniso; kungoko ningakholwayo kum. 46Akukho namnye kuni ungandibeka tyala, athi ndonile. Ndithetha inyaniso nje, ngani ukuba ningakholwa? 47OngokaThixo uyaweva amazwi kaThixo. Ke ngoko nina aniweva amazwi kaThixo, kuba aningabo abakaThixo.”
“Engekabikho uAbraham besendikho”
48AmaJuda amphendula uYesu, athi kuye: “Asinyanisanga na ke xa sithi ungumSamariya, yaye unendimoni?”
49Waphendula uYesu wathi: “Andinandimoni mna. Ndihlonela uBawo, kodwa nina anindihloneli. 50Mna andizifuneli wonga; ukho ondifunelayo; yena uyandilamlela. 51Ndithi kuni, inene, ukuba umntu uthe wawagcina amazwi am, soze afe naphakade.”
52Aza athi kuye amaJuda: “Hayi ke, kucacile ngoku ukuba unendimoni. UAbraham wafa, *nabashumayeli bafa, ube usithi wena, ukuba umntu uthe wagcina amazwi akho, soze afe naphakade. 53Ngaba wena umkhulu na kunobawo uAbraham, yena wafayo? Kwangokunjalo nabo abashumayeli àbasekho. Uzenza bani kakade wena?”
54Waphendula uYesu wathi: “Ukuba bendiziwonga ngokwam, elo wonga ngelingento yanto; kodwa ke nguBawo ondiwongayo, lowo kanye nina nithi nguThixo wenu. 55Nangona nitshoyo, anizange namazi; kodwa mna ndiyamazi. Ukuba mna bendinokuthi andimazi, bendiya kuba ndilixoki njengani. Kodwa ndiyamazi, ndaye ndiyawagcina amazwi akhe. 56Uyihlo uAbraham wagcoba, kuba wayeza kubona le mihla yobukho bam; wayibona ke, wavuya.”
57Aza amaJuda athi kuye: “Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, ungathini ukuba sewumbonile uAbraham?”
58Wathi kubo uYesu: “Ndithi kuni, inene, engekabikho uAbraham, besendikho kade mna.”
59Achola amatye ke amaJuda, ukuze amgibisele ngawo uYesu; kodwa yena uYesu wasuka wee shwaka, wemka *endlwini kaThixo.

Currently Selected:

UYOHANE 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy