YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 13

13
UYesu uhlamba iinyawo zabafundi bakhe
1Laliselisondele itheko *lePasika. UYesu ke wayesazi okokuba lifikile ixesha lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise. Wayesoloko ebathanda abo bangabakhe kweli hlabathi, wabathanda kwada kwaba sekugqibeleni.
2-3Ngokuhlwa uYesu nabafundi bakhe babesetafileni besitya. Umtyholi wayeselekufakile entliziyweni kaJudas, unyana kaSimon Sikariyoti, okokuba angcatshe uYesu. UYesu wayesazi ukuba uYise uzinikele ezandleni zakhe zonke izinto; esazi okokuba yena uvela kuThixo, kwaye uya kuThixo. 4Waza ke uYesu waphakama etafileni, wakhulula isambatho sakhe sangaphezulu, wabhinqa itawuli, 5wagalela amanzi ekomini, wahlamba iinyawo zabafundi bakhe, ezisula ngetawuli awayeyibhinqile. 6Akufika kuSimon Petros, yena wathi kuYesu: “Nkosi, uza kuhlamba nezam iinyawo?”
7Waphendula uYesu wathi kuye: “Okwangoku akukayazi into endiyenzayo, kodwa uza kube uyiqonde.”
8Wathi kuye uPetros: “Nokuba sekutheni, ngekhe zihlanjwe nguwe iinyawo zam.”
UYesu wamphendula wathi: “Ukuba andithanga ndikuhlambe, awunabudlelane nam.”
9Waza uSimon Petros wathi kuye: “Nkosi, xa kunjalo, sukundihlamba iinyawo zodwa, selundihlamba izandla nentloko.”
10UYesu wathi kuye: “Oselehlambe umzimba, uswele kuphela okokuba ahlanjwe iinyawo, ukuze ahlambuluke wonke. Nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.” 11UYesu wayeselemazi lowo uza kumngcatsha, kungoko watshoyo ukuthi abahlambulukanga bonke.
12Akuba uYesu ezihlambile iinyawo zabo, ephinde wasinxiba isambatho sakhe sangaphezulu, waya kuhlala phantsi, wathi kubo: “Ngaba niyayiqonda na into endiyenzileyo? 13Nindibiza ngokuthi: ‘Mfundisi,’ okanye: ‘Nkosi’. Niyakholisa ukutsho, kuba kunjalo. 14Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo. 15Ndinenzele umzekelo, ukuze nani nenze njengoko mna ndinibonisileyo. 16Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo. 17Nivile ke. Hayi uyolo lwenu xa nithe nawulandela lo mzekelo.
18“Andibhekisi kuni nonke. Ndiyabazi abo ndibanyulileyo, kodwa imelwe kukuzaliseka le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Lowo utyayo kunye nam undivukele.’ 19Ndinixelele kungekenzeki, ukuze kuthi, kwakuba kwenzekile, nikholwe okokuba ndinguye endinguye. 20Inene, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela mna; ke owamkela mna, wamkela lowo undithumileyo.”
UYesu walatha umngcatshi wakhe
(Mat 26:20-25; Marko 14:17-21; Luka 22:21-23)
21Akuba uYesu etshilo, wakhathazeka kakhulu, waza wabaqononondisa esithi: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni apha uza kundingcatsha.”
22Baza bajongana abafundi bakhe, bengazi mpela okokuba ngubani na lowo athetha ngaye. 23Ke omnye umfundi kaYesu, lowo wayethandwa nguye, wayehleli ecaleni kwakhe, 24waza uSimon Petros wanqwala kuye ukuba abuze ukuba ngaba uYesu uthetha bani na. 25Lowo mfundi ke wagobela ngakuYesu, wathi: “Ngaba ngubani lowo, Nkosi?”
26Waphendula uYesu wathi: “Ngulowo ndiya kuthi ndakuba ndisithe nkxu isonka, ndimnike.” Waza wathatha iqhekeza lesonka, walithi nkxu, walinika uJudas, unyana kaSimon Sikariyoti. 27Kwathi kwangoko akulamkela elo qhekeza lesonka uJudas, wangenwa nguSathana. Waza wathi kuye uYesu: “Khawulezisa uyenze into oyenzayo.” 28Kwakungekho namnye kwabo basetafileni owakuqondayo oko uYesu wayekuthetha. 29Ekubeni yayigcinwa nguJudas ingxowa yabo yemali, abanye kubafundi babesithi uYesu umthuma ukuba aye kuthenga ezo zinto ziyimfuneko kwitheko *lePasika, okanye mhlawumbi uthi makaye kupha amahlwempu amalizo.
30Elamkele ke uJudas elo qhekeza lesonka, waphuma kwangoko. Ke kaloku kwakusebusuku.
Umthetho omtsha
31Akuba emkile uJudas, uYesu wathi: “Ngoku ke uza kunikwa ubungangamsha *uNyana woLuntu; uThixo uza kubonakalisa amandla akhe ngaye. 32Xa ke uThixo abonakalisa amandla akhe ngaye, wothi amnike ubungangamsha uNyana woLuntu, kwaye oko uza kukwenza kwangoku. 33Bantwana bam, liphelile ixesha lam phakathi kwenu. Niya kundifuna, kodwa oko ndakuthethayo kumaJuda ndikuthetha nakuni ngoku, ndisithi: ‘Apho mna ndiya khona, aninakuya nina.’ 34Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo. 35Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.”
UYesu uthi uza kukhanyelwa nguPetros
(Mat 26:31-35; Marko 14:27-31; Luka 22:31-34)
36USimon Petros wabuza kuYesu wathi: “Uza kuya phi na, Nkosi?”
Waphendula uYesu wathi: “Apho ndiya khona akukabi nakuya okwangoku, kodwa wobe ulandele.”
37Wathi kuye uPetros: “Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nakuya ngoku? Ndilindele nokufa ngenxa yakho!”
38Wamphendula uYesu wathi: “Ngaba ukulindele ngenene ukufa ngenxa yam? Ndithi kuwe, inene, wobe sewundikhanyele kathathu ukukhala kwenkuku.”

Currently Selected:

UYOHANE 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy