YouVersion Logo
Search Icon

UHOSIYA 1

1
Isingeniso
1Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafikela uHosiya unyana kaBheri ngexesha looUziya, uYotam, uAhazi, noHezekiya, ookumkani bakwaJuda, kunye noJerobhowam unyana kaYowashe ukumkani wakwaSirayeli.
UHosiya nosapho lwakhe
2Ekusunguleni kokuthetha *kukaNdikhoyo ngomlomo kaHosiya uNdikhoyo wathi kuye: “Hamba utshate umfazi wobuhenyu oya kukuzalela abantwana bobuhenyu, kuba abantu beli lizwe nabo bahenyuzile ngokugqithisileyo bakreqa kuNdikhoyo.”
3Ngoko ke uHosiya wathatha uGomere intombi kaDibhelayim, yaza ke yamitha, yamzalela unyana. 4UNdikhoyo ke wathi kuHosiya: “Mthiye igama elinguYizereli. Kaloku sekumbovu ukuba ndiyohlwaye indlu kaYehu ngenxa yobutyadidi begazi elaphalazwa eYizereli. Ewe, ndiza kubuphelisa ubukumkani endlwini kaSirayeli. 5Ngaloo mini ke kwintili eyiYizereli ndiya kuwaphul' iimpondo umkhosi kaSirayeli.”
6UGomere waphinda wamitha, waza wazala intombi. UNdikhoyo wathi kuHosiya: “Mthiye igama elinguAkenzelwanga-nceba, kuba kaloku andiyi kuba saphinda ndiyenzele inceba indlu kaSirayeli, ndingaphindi ndiyixolele nokuyixolela. 7Kambe ke inceba yam iya kuthi rhoqo kwindlu kaJuda, ndiyihlangule ngoNdikhoyo uThixo wayo, kungengasaphetha nakrele, kungengamfazwe, kungengamahashe nabakhweli bawo.”
8Akumlumla ke uGomere uAkenzelwanga-nceba, wamitha kwakhona, wazala unyana. 9UNdikhoyo wathi: “Mthiye igama elinguAsibantubam, kuba aningabo abantu bam, ibe nam ndingenguye owenu.”
Ukubuyiselwa kukaSirayeli
10“Kambe ke amaSirayeli oba yinyambalala efana nentlabathi elunxwemeni lolwandle engenakulinganiswa nakubalwa ngenxa yobuninzi. Kuloo ndawo ebekufudula kusithiwa kuwo: ‘Aningobantu bam,’ kothiwa: ‘Ningoonyana bakaThixo ophilayo.’ 11Abantu bendlu kaJuda nâbo bendlu kaSirayeli baya kumanywa. Baya kuzimisela inkokheli ibe nye, babe ngabemi belizwe lakowabo. Ewe kaloku, yoba nkulu imini yeYizereli! ”

Currently Selected:

UHOSIYA 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy