YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 1

1
UHezekile ubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo
1Ke kaloku ngomhla wesihlanu kwinyanga yesine yonyaka wamashumi amathathu kwathi ndihleli nabanye abathinjwa phezu komlambo oyiKebhare, asuka avuleka amazulu, ndaza ndabona imibono ephathelele kuThixo. 2Ngomhla wesihlanu enyangeni, ngonyaka wesihlanu wokuthinjwa kukakumkani uYoyakin, 3lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuHezekile umbingeleli, unyana kaBhuzi, engasemlanjeni oyiKebhare kwilizwe lamaKaledi. Kanye ngelo xesha ke wonganyelwa ngamandla kaNdikhoyo.
4Ndathi ndakujonga ndabona umbono: Nâso isiphotshongwane sesaqhwithi sivela ngasentla, sitsho ngelifukazi elitshawuza umlilo, lithe wambu ubuqaqawuli. Emlilweni apho kwakudangazela into engathi sisinyithi esitshe sada sabomvu. 5Kwalapho kwakukho isine sezidalwa eziphilayo, ezimilise okomntu. 6Ngasinye kuzo sasinobuso obumacala mane namaphiko amane. 7Imilenze yazo yayithe tswi, iinyawo zifana namanqina ethole. Zazibengezela okobhedu olugudisiweyo. 8Zazinezandla zomntu phantsi kwamaphiko macala omane. Zone izidalwa zazinobuso namaphiko. 9Ayayamene ngamacala amaphiko. Isidalwa ngasinye sasihamba ngqo, singajika-jiki.
10Babunje ubuso bazo: Ngasinye kuzo sasinobuso bomntu, nobuso bengonyama kwicala lasekunene, nobuso benkabi yenkomo kwicala lasekhohlo, kwanobuso bokhozi. 11Babunjalo ke ubuso bazo. Amaphiko ayetwezwe ajonga phezulu. Amaphiko amabini esidalwa ngasinye ayeyamene ngamacala nawezinye izidalwa, kodwa amabini ethe wambu umzimba. 12Isidalwa ngasinye sasihamba ngqo, singajika-jiki, sisiya kwelo cala sikhokelelwa kulo nguMoya. 13Ngokwembonakalo ezi zidalwa ziphilayo zazingathi ngamalahle avuthayo okanye izikhanyisi ezidangazelayo. Idangatye lomlilo lalisithi likwesi isidalwa libe likwesiya, kutshawuza nemibane kulo. 14Izidalwa zazisenza amatshe okombane, zithi ziphambili zibe zibuyela emva.
15Ndakuzondela izidalwa eziphilayo ndabona ivili limi emhlabeni ngakwisidalwa ngasinye esinobuso obunxa-ne. 16Yayinje imbonakalo yokwakheka kwamavili: Ayefana ncam, onke eqaqambe okwekrisolite. Ivili ngalinye laba ngathi linqumleze elinye ivili. 17Xa zihamba zazisiya nakwiliphi na icala kumacala omane ezazijonge kuwo izidalwa, amavili engajika-jiki naxa zihambayo izidalwa. 18Iifeleni zamavili zaziphakamile zisoyikeka, zinamehlo ngeenxa zonke.
19Bezisithi zakuhamba izidalwa eziphilayo, nawo amavili emi ngakuzo ahambe; zithi zakuphakama emhlabeni izidalwa, nawo amavili aphakame emhlabeni.
20Izidalwa bezisiya apho zikhokelelwa khona nguMoya, ngokunjalo namavili, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili. 21Bezisithi izidalwa zakusuka, nawo amavili asuke; zithi zakuma bhuxe, nawo eme bhuxe; zithi zakuphakama emhlabeni izidalwa, nawo amavili aphakame emhlabeni, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili.
22Phezu kweentloko zezidalwa eziphilayo kwakukho into efana nesibhakabhaka. Yayinkulu, imangalisa, imenyezela okomkhenkce. 23Iseso isidalwa esiphilayo sawatwabulula amaphiko aso phantsi kwesibhakabhaka eso, aza amaphiko amabini ayamana nawezinye izidalwa, amabini asala ethe wambu umzimba. 24Zathi zakushukuma izidalwa, ndasiva isandi samaphiko azo, saba ngathi sisandi samanzi agqumayo, safana nezwi likaSomandla, sanjengengxokozelo yomkhosi. Zakuma zawasonga amaphiko. 25Zathi zimi njalo ziwasongile amaphiko, kwavakala ilizwi, liphuma esibhakabhakeni ngasentla kweentloko zazo.
26Kwakho nto ifana nesihlalo sesafire sokumkani esithe zinzi esibhakabhakeni, kungqendeve kuso into enembonakalo yomntu. 27Ndaphawula ukuba ukusuka esinqeni kunyuke yayibonakala ngathi sisinyithi esitshe sada sabomvu, kanti ukuhla yayibonakala ingumlilo, iyonke irhangqwe kukukhanya okuqaqambileyo. 28Oku kukhanya nqwa nomnyama emafini mhla kunayo. Nguwo lowo ke umbono wobuqaqawuli nobungangamsha bukaNdikhoyo.
Ukuthunywa kukaHezekile
Ndithe tywaa phantsi ngesisu ndakuwubona lo mbono, ndaza ndeva ilizwi lothethayo,

Currently Selected:

UHEZEKILE 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy