YouVersion Logo
Search Icon

2 KAYOHANE 1

1
Isingeniso
1Indoda enkulu ibhalela udade onyuliweyo kunye nabantwana bakhe. Ndinithanda ngenene, phofu ke asindim ndedwa koko bonke abayaziyo inyaniso bayanithanda. 2Kaloku inyaniso ihlala kuthi, ibe ke siya kuhlala sinayo nanini na!
3Isisa, inceba, noxolo mazihlale kuthi ngenyaniso nothando. Kaloku zona siziphiwa nguThixo uBawo wethu, noYesu Krestu uNyana kaThixo uYise.
Inyaniso nothando
4Ndibe nochulumacho ukufumanisa ukuba abanye kubantwana bakho bahleli enyanisweni, kanye njengoko sayalelwayo nguBawo. 5Ndiyakucela, dade othandekayo, andikuniki myalelo mtsha, koko ndikukhumbuza ngalowo sawunikwayo kwasekuqaleni – ewe, nditsho lo uthi masithandane. 6Olu thando ndithetha ngalo ke kukuyithobela imiyalelo kaThixo. Lo myalelo ke nawunikwa kwasekuqaleni, ukuze ubomi benu bulawulwe luthando.
7Kukho abakhohlisi abaninzi abathe saa apha elizweni. Bona bayaphika ukuba uYesu Krestu waba ngumntu ngokupheleleyo. Abantu abanjalo ngabakhohlisi, abachasi-Krestu. 8Ngoko ke zilumkeleni, hleze niphulukane nayo into ebeniyisebenzela. Zabalazani, khon' ukuze nilifumane linjengoko linjalo ibhaso lenu.
9Umntu onganamatheliyo emfundisweni kaKrestu, lowo uhambela kude kuyo, akanaThixo. Kanti ke yena onamatheleyo kuyo imfundiso umanyene noYise kunye noNyana. 10Xa nifikelwa ngumntu ophethe mfundiso yimbi musani ukumamkela ekhayeni lenu, ningambulisi nokumbulisa. 11Kaloku òmnqwenelela impumelelo ùvana naye nangenkohlakalo leyo yakhe.
Amazwi okuphetha
12Nakuba ndinento eninzi ebendingayithethayo kuwe, andithandanga ukuyibhala. Kaloku ndinethemba lokunityelela. Ndiyabona ke ukuba sesothetha ngoko sonwabile.
13Bayabulisa abantwana bodade wenu onyuliweyo.

Currently Selected:

2 KAYOHANE 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy