YouVersion Logo
Search Icon

IMIZEKELISO 29

29
1Indoda eyohlwaywa futhi, íyenze lukhuni intamo yayo,
Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.
2Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu;
Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.
3Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise;
Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.
4Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko;
Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.
5Umfo ocengacenga ummelwane wakhe
Uthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.
6Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo;
Ke lona ilungisa limemelela livuye.
7Ilungisa liyalazi ibango lesisweli;
Ke yena ongendawo akanangqondo yakulazi.
8Amadoda agxekayo aphembelela isixeko;
Ke zona izilumko ziyawudambisa umsindo.
9Yakumangalelana indoda elumkileyo nesimathane,
Soguguma sihleke, kungabikho kuthozama.
10Amadoda amagazi ayabathiya abagqibeleleyo;
Nabathe tye, afuna umphefumlo wabo,
11Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso,
Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.
12Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki,
Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.
13Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana;
Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.
14Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso,
Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.
15Intonga nesohlwayo sinika ubulumko;
Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.
16Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo;
Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.
17Mqeqeshe unyana wakho, wókuphefumlisa,
Awuyolise umphefumlo wakho.
18Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu;
Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!
19Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi;
Kuba siyaqonda, singakhathali.
20Ùyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo?
Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
21Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakhe
Uya kwenelwa lukhula ekupheleni.
22Indoda enomsindo ixhaya ingxabano;
Umntu onobushushu uzele lukreqo.
23Ikratshi lomntu liya kumthoba;
Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.
24Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe;
Uyasiva isishwabulo, angaxeli.
25Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo;
Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.
26Baninzi abafuna ubuso bomlawuli;
Ke lona ibango lendoda livela kuYehova.
27Indoda enobugqwetha lisikizi kumalungisa;
Ondlela ithe tye lisikizi kongendawo.

Currently Selected:

IMIZEKELISO 29: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy