YouVersion Logo
Search Icon

IMIZEKELISO 17

17
1Iqhekeza elomileyo lesonka, kunye nokuchulumacha, lilungile
Ngaphezu kwendlu ezele yimibingelelo, enembambano.
2Umkhonzi onengqiqo uya kumlawula unyana owenza okuziintloni,
Ahlule ilifa phakathi kwabazalwana.
3Ukhamba lolokunyibilikisa isilivere; iziko lelokunyibilikisa igolide;
Umcikidi weentliziyo nguYehova.
4Onobubi uwubazela indlebe umlomo onenkohliso,
Uphulaphula ubuxoki obuselulwimini olweyeliselayo.
5Ogculela ihlwempu ungcikiva uMenzi walo;
Ovuyela inkxwaleko akabi msulwa.
6Isithsaba samadoda amakhulu ngoonyana boonyana;
Isihombo soonyana ngooyise.
7Ayisifanele isidenge intetho ekhukhumeleyo;
Yobeka phi na ke ukungalifaneli inene intetho ebubuxoki.
8Sililitye elinqabileyo emehlweni omninilo isicengo,
Apho asukuba ebheka khona, wenza ngengqiqo.
9Ugubungela isikreqo ofuna uthando;
Ophinda ayithethe into wahlula amakholwane.
10Ukukhalinyelwa kuyangena konengqondo
Ngaphezu kwemivumbo elikhulu kosisinyabi.
11Oneenkani ufuna ububi bodwa;
Ngoko ke uthunyelwa umthunywa osisijorha.
12Kanye qubisana nebhere• ehluthwe amathole ayo,
Ungaqubisani nesinyabi ekumatheni kwaso.
13Obuyekeza okubi esikhundleni sokulungileyo,
Àbuyi kusuka ububi endlwini yakhe.
14Kukuvulela amanzi ukuqala kwengxabano;
Yiyeke imbambano kungekavunganyelwana.
15Omgwebelayo ongendawo, kwanoligwebayo ilungisa,
Bangamasikizi kuYehova bobabini.
16Lelokwenzani na inani elisesandleni sesinyabi, lokurhweba ubulumko,
Singenantliziyo nje?
17Umhlobo uthanda ngamaxesha onke;
Umzalwana uzalelwe imbandezelo.
18Umntu oswele intliziyo ngobambana nomnye ngesandla,
Ngomela umelo phambi kowabo.
19Uthanda ukreqo othanda ukulwa;
Owuphakamisayo umnyango wakhe ufuna ukuqhekeka.
20Ontliziyo ijibilizayo akayi kukufumana okulungileyo;
Ophenduka ngolwimi lwakhe weyela ebubini.
21Ozala isinyabi uzizalela isingqala;
Akanaluvuyo uyise wesidenge.
22Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise;
Umoya odakumbileyo uyawomisa amathambo.
23Ongendawo wamkela isicengo esivela esondweni lengubo,
Ukuze agqwethe indlela esesikweni.
24Ubuso bonengqondo bubheke ebulumkweni;
Ke amehlo esinyabi asekupheleni kwehlabathi.
25Úbubuhlungu bukayise unyana osisinyabi;
Úbubukrakra kumzalikazi wakhe.
26Àkulungile ukuhlawulisa nelungisa,
Nokubetha amanene ngenxa yokuthe tye.
27-28Owanqandayo amazwi akhe unokwazi:
Omoya upholileyo yindoda enengqondo.
Kwanesimathane, ukuba sihleli sathi tu, kuthiwa sisilumko;
Singàwuvingca umlomo waso, kuthiwa sinengqondo.

Currently Selected:

IMIZEKELISO 17: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy