YouVersion Logo
Search Icon

IMIZEKELISO 16

16
Imizekeliso yeentlobo ngeentlobo
1Zezomntu izicwangciso zentliziyo;
Ke yona impendulo yolwimi ivela kuYehova.
2Zonke iindlela zendoda ziqaqambile kwawayo amehlo;
Ke yena umlinganisi womoya nguYehova.
3Qengqela kuYehova izenzo zakho,
Zizimasèke iingcinga zakho.
4Zonke izinto uYehova uzenzele intsingiselo yakhe,
Kwanongendawo umenzéle imini yobubi.
5Balisikizi kuYehova bonke abantliziyo izidlayo;
Kakade ke, ababi msulwa.
6Ngenceba nenyaniso buyacanyagushelwa ubugwenxa;
Ngokoyika uYehova umntu uyatyeka ebubini.
7Ekukholisweni kukaYehova ziindlela zendoda,
Uyixolelanisa neentshaba zayo nayo.
8Ilungile intwana encinane enobulungisa,
Ngaphezu kolungiselo oluninzi olukunye nokungesesikweni.
9Intliziyo yomntu icinga indlela yakhe;
NguYehova oyalela ukunyathelakwakhe.
10Izihlabo zisemilebeni yomlomo wokumkani;
Mawungamenezi esikweni umlomo wakhe.
11Isilinganiso nesikali• esisesikweni sesikaYehova;
Asisenzo sakhe onke amatye• asengxoweni.
12Lisikizi kubo ookumkani ukwenza okungendawo,
Kuba itrone izinziswa bubulungisa.
13Ukumkani uyakholiswa ngumlomo wobulungisa;
Othetha okuthe tye uyathandwa.
14Ubushushu bokumkani buzizithunywa zokufa;
Ke indoda elumkileyo iyamcamagusha.
15Ekukhanyeni kobuso bokumkani bubomi;
Okuthandwa nguye kunjengelifu lemvula yasekwindla.
16Ukurhweba ubulumko kungakanani na ukulunga kwako, ngaphezu kwegolide embiweyo!
Nokurhweba ingqondo kungakanani na ukunyuleka kwako, ngaphezu kwesilivere!
17Umendo wabathe tye kukutyeka ebubini;
Ulondoloza umphefumlo wakhe ogcina indlela yakhe.
18Ikratshi likhokela intshabalalo;
Ukuzidla kukhokela ukukhubeka.
19Kulungile ukuba nomoya othobekileyo phakathi kwabalulamileyo,
Ngaphezu kokwaba amaxhoba nabanekratshi.
20Oliqiqayo ilizwi uya kufumana okulungileyo;
Okholose ngoYehova, hayi, uyolo lwakhe!
21Ontliziyo ilumkileyo kuthiwa unengqondo;
Nobumnandi bomlomo bongeza imfundiso.
22Lithende lobomi ingqiqo kumniniyo;
Ke lona uqeqesho lwezimathane kukumatha kwazo.
23Intliziyo yesilumko iyawuqiqisa umlomo waso,
Yongeze imfundiso emilebeni yomlomo waso.
24Linqatha lobusi amazwi amnandi,
Ayincasa emphefumlweni, ayimpiliso emathanjeni.
25Kukho indlela ethe tye phambi komntu,
Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.
26Ukulamba komxelengi kuyamxelengela,
Ngokuba umlomo wakhe uyamqhuba.
27Umntu olitshijolo umba ububi:
Emlonyeni wakhe ngathi ngumlilo otshisayo.
28Indoda ephendukayo ingenisa ingxabano;
Nentlebi yahlula amakholwane.
29Indoda egonyamelayo ihenda ummelwane wayo,
Imhambise ngendlela engalungileyo.
30Ocima amehlo akhe, kukuba acinge impenduka;
Oluma umlomo wakhe ugqibe ububi.
31Isithsaba sokuhomba zizimvi,
Sifunyanwa endleleni yobulungisa.
32Ozeka kade umsindo ulunge ngaphezu kwegorha;
Okulawulayo ukufutha kwakhe ulunge ngaphezu kothimba umzi.
33Umntu uphosa iqashiso esondweni lengubo,
Ke ukugqitywa kwalo konke kunoYehova.

Currently Selected:

IMIZEKELISO 16: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy