YouVersion Logo
Search Icon

UMALAKI 1

1
Uthando lukaYehova kuSirayeli
1Isihlabo selizwi likaYehova, esisingisele kuSirayeli, ngoMalaki.•
2Uthi uYehova, Ndinithandile; ke nina nithi, Ùsithandé ngokuthini na? UEsawu asingumkhuluwa kaYakobi na? utsho uYehova; ukanti ndathanda ke uYakobi; 3ndamthiya uEsawu; iintaba zakhe ndazenza kwaba senkangala, nelifa lakhe laba leleempungutye entlango.
4Ekubeni ke uEdom esithi, Sivikivekile, siya kubuya siwakhe amanxuwa; utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kwakha bona, kodwa mna ndiya kugungxula; kothiwa, Bangumda wokungendawo, ngabantu ábabhavumelayo uYehova kude kuse ephakadeni. 5Amehlo enu aya kubona, níthi ke nina, Mkhulu uYehova phezu komda wakwaSirayeli.
Ababingeleli bakaSirayeli abanantlonelo
6Unyana uyambeka uyise, umkhonzi uyayihlonela inkosi yakhe; ukuba ndinguyihlo, kuphi na ke ukubekwa kwam? ukuba ndiyinkosi, kuphi na ukoyikwa kwam? utsho uYehova wemikhosi kuni, babingeleli, nina balidelileyo igama lam. Nibe ke nisithi, Silidelé ngokuthini na igama lakho? 7Nina nizisa esibingelelweni sam isonka esingcolileyo, nibe ke nisithi, Sikungcolisé ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova sidelekile sona. 8Ukuba nizisa into eyimfama ukuba ibingelelwe, akunto imbi oko? Ukuba nizisa into esisiqhwala nento efayo, akunto imbi oko? Khawuyisondeze loo nto kwinkosi yakho, ukuba yokholiswa na nguwe; yokunonelela na? utsho uYehova wemikhosi.
9Kaloku ke, khanimbongoze uThixo, ukuba asibabale; kuvelé esandleni senu oku; womnonelela ke umntu ngenxa yenu na? utsho uYehova wemikhosi. 10Akwaba bekukho umntu kuni ozivalileyo iingcango, anasibanekela ilizé isibingelelo sam! Àndininanzé nganto, utsho uYehova wemikhosi, àndikholiswa nangumnikelo ophuma esandleni senu. 11Ngokuba kuthabathela ekuphumeni kwelanga, kude kuse ekutshoneni kwalo, likhulu igama lam phakathi kweentlanga; nasezindaweni zonke kuqhunyiselwa, kunikèlwe igama lam umnikelo ohlambulukileyo; ngokuba likhulu igama lam phakathi kweentlanga; utsho uYehova wemikhosi.
12Ke nina niyalihlambela ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova singcolile, neziveliso zaso, ukutya kwaso kudelekile. 13Nábuya nathi ke, Yabonani, yindinisa yani na le! nasivuthela; utsho uYehova wemikhosi; nazìsa izinto eziphangiweyo, neziziqhwala, nezifayo; nenjenje ukuzisa umnikelo ke; ndikholiswe na ke zezo zinto ziphuma esandleni senu? utsho uYehova. 14Uqalekisiwe ke oqhathaniselayo, ukanti kukho emhlambini wakhe iduna; nobhambathisa, abingelele eNkosini into eyonakeleyo; ngokuba ndingukumkani omkhulu, utsho uYehova wemikhosi, negama lam liyoyikeka phakathi kweentlanga.

Currently Selected:

UMALAKI 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy