YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 20

20
Igunya likaYesu
(UMat. 21:23-27)
1Kwathi ngenye imini, akubon' ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, kunye namadoda amakhulu. 2Bathetha kuye besithi, Sixelele; ùzenza ngagunya lini na ezi zinto? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya?
3Waphendula ke wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye, ize nindixelele ke. 4Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? 5Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? 6Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, bonke abantu bosigibisela ngamatye; kuba beyisekile ukuba uYohane ungumprofeti. 7Baphendula ngokuthi, àbazi ukuba lwaphuma phi na.
8Wathi ke uYesu kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
Umzekeliso wesidiliya
(UMat. 21:33-46)
9Ke kaloku waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso: Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo. 10Wathi ngalo ixesha elifanelekileyo, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya. Basuka ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha. 11Waphinda wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha. 12Waphinda wathuma nowesithathu. Bathi ke bona bamngxwelerha nalowo, bamkhupha.
13Uthe ke umninisidiliya, Ndiya kuthini na? Ndiya kuthuma unyana wam oyintanda; mhlawumbi, bakumbona, bangamhlonela yena. 14Bathe ke abalimi, bakumbona, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu. 15Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Úya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya? 16Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele bambi isidiliya eso.
Bathe ke bakukuva oko, Mayingabikho loo nto! 17Wondela ke kubo, wathi, Yintoni na phofu le ibhaliweyo:
Ilitye abalicekisáyo abakhi,
Lelona laba yintloko yembombo?
(INdum. 118:22)
18Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke bona elithe labawela, lobabetha bathi saa.
Umbuzo malunga nerhafu
(UMat. 22:15-22)
19Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; boyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingisele kubo lo mzekeliso. 20Bamlalela, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuba zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele elulawulweni nasegunyeni lerhuluneli. 21Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu; usuka ufundise indlela kaThixo ngenene. 22Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare,• akuvumelekile, sini na?
23Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na? 24Ndiboniseni idenariyo.• Inomfanekiso nombhalo kabani na? Ziphendule ke zathi, KaKesare. 25Uthe ke yena kuzo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo. 26Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zamangaliswa yimpendulo yakhe, zathi cwaka.
AbaSadusi novuko
(UMat. 22:23-33)
27Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko; 28bambuza, besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu ozalana naye. 29Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana. 30Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana. 31Nowesithathu wamzeka; benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana. 32Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi lowo. 33Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? Kuba bosixhenxe bebenaye engumfazi.
34Waphendula ke wathi kubo uYesu, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa; 35ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; 36kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo. 37Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, INkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi. 38AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye.
39Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho. 40Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.
UKristu, unyana kaDavide
(UMat. 22:41-46)
41Wathi ke kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu• ungunyana kaDavide? 42Kanti noDavide yena ngokwakhe uthi encwadini yeeNdumiso,
Yathi iNkosi eNkosini yam,
Hlala ngasekunene kwam,
43Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.
(INdum. 110:1)
44UDavide ngoko umbiza ngokuthi, Nkosi; aze abe ke ngunyana wakhe ngani na?
Ukulunyukiswa ngakubabhali
(UMat. 23:1; uMarko 12:38-40)
45Ke kaloku, bakubon' ukuba bayeva bonke abantu, wathi kubafundi bakhe, 46Balumkeleni ababhali, abathandayo ukuhamba ngeengubo ezinde, bathande imibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni; 47abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu. Abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.

Currently Selected:

ULUKA 20: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy