YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 16

16
Umzekeliso wegosa elingenabulungisa
1Ke kaloku, wayesithi nakubafundi bakhe, Kwaye kukho umntu othile osisityebi, obenegosa; laza lona lancethezwa kuye, ukuba lingoyichithayo impahla yakhe. 2Elibizile ke, wathi kulo, Yintoni na le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho; kuba akusayi kuba saba ligosa.
3Lathi ke igosa ngaphakathi kwalo, Ndiya kuthini na? Ngokuba inkosi yam iyabuhlutha ubugosa kum; ukumba kundikhohlile; ukungqiba, ndineentloni. 4O! ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndakhutshwa ebugoseni, bandamkele ezindlwini zabo.
5Libabizele kulo ngabanye abanetyala enkosini yalo, lathi kowokuqala, Unatyala lingakanani na enkosini yam? 6Uthe ke yena, Likhulu leebhate• zeoli. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, uhlale phantsi msinya, ubhale amashumi amahlanu. 7Emva koko lathi komnye, Wena ke unatyala lingakanani na? Uthe ke yena, Likhulu leekore• zengqolowa. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, ubhale amashumi asibhozo. 8Yaza inkosi leyo yalincoma igosa elingalungisiyo, ngokuba lenza ngokuqonda; ngokuba bona abeli phakade kwesabo isizukulwana banokuqonda, ngaphezu kwabo abokukhanya.
9Nam ndithi kuni, Zenzeleni izihlobo ngabo ubutyebi bokungalungisi, ukuze xa nithe naphelelwa, namkelwe eminqubeni engunaphakade. 10Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongalungisiyo kokuncinane, akalungisi nakokukhulu. 11Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka ebutyebini bokungalungisi, ngubani na owonithemba kobo buyinyaniso? 12Nokuba anibanga nakuthembeka koko komnye, ngubani na oya kuninika okukokwenu?
13Akukho mkhonzi unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.
Igunya lomthetho
14Ke kaloku baye beziva ezo ndawo zonke nabo abaFarisi, amathanda-mali; baye bemsinekela ke.
15Wathi kubo, Nina ningábazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; ngokuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo. 16Yayingumthetho nabaprofeti kwada kwakuYohane; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela. 17Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho.
18Wonke umntu omalayo umfazi wakhe, azeke wumbi, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka owalene nendoda, uyakrexeza.
Umzekeliso wesityebi noLazaro
19Ke bekukho umntu othile osisityebi, obevatha ezibomvu nezelinen ecikizekileyo, esenza imihlali yokuzuka kwakhe imihla yonke. 20Bekukho ke hlwempu lithile, ligama linguLazaro, elalikhahlelwe esangweni lakhe, lizele zizilonda, 21linqwenela ukuhluthiswa ngeemvuthuluka eziwa etafileni yesityebi eso; zibe zisithi izinja, zize zikhothe izilonda zalo.
22Ke kaloku lathi lafa ihlwempu elo, lasiwa zizithunywa zezulu esifubeni sika-Abraham; safa ke nesityebi, sangcwatywa. 23Síze, sikwelabafileyo, siphakamise amehlo aso sisentuthumbeni, simbone uAbraham ekude, uLazaro esesifubeni sakhe. 24Samemeza sona sathi, Bawo, Abraham, ndénzele inceba, uthume uLazaro, ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam; ngokuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye.
25Uthe ke uAbraham, Mntwana wam, khumbula ukuba wena wazifincelela ebomini bakho izinto zakho ezilungileyo, noLazaro ngokukwanjalo izinto ezimbi; ngoku ke yena úyathuthuzelwa, wena ke ùyathuthunjelwa. 26Kananjalo ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; bathi nabalapho, bangabi nakuwelela kuthi.
27Sathi, Ndiyakucela ngoko, bawo, ukuba umthume endlwini kabawo; 28kuba ndinabazalwana abahlanu; ukuba abaqononondise, ukuze bangàthi nabo beze kule ndawo yentuthumbo. 29Athi uAbraham kuso, BanoMoses nabaprofeti, mabeve bona. 30Sithe ke sona, Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka. 31Uthe ke kuso, Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.

Currently Selected:

ULUKA 16: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy