YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 1

1
ULizwi waba yinyama
1Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo. 2Yena lowo ebekho ekuqalekeni kuThixo. 3Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho. 4Kuye kwakukho ubomi, baye ubomi obo bulukhanyiselo lwabantu. 5Ukhanyiso ke olo lwabonakala ebumnyameni, basuka ubumnyama àbaluqiqa.
6Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane. 7Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye. 8Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso.
9Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini. 10Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga. 11Weza kokwakhe, baza abakhe àbamvuma. 12Ke bonke abamamkeláyo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe; 13abangàzalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo. 14ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.
Ubungqina bukaYohane umbhaptizi
(UMat. 3:1-12)
15Uthi uYohane angqine ngaye, adanduluke esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum. 16Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo. 17Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu. 18Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko.
19Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi, bephuma eYerusalem, ukuze bambuze besithi, Wena ungubani na? 20Wavuma akakhanyela, wavuma esithi, Andinguye mna uKristu.• 21Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Athi, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi ukuphendula, Hayi. 22Bathi ngoko kuye, Ungubani na ke? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Ùthini na wena ngawe ngokwakho? 23Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti.
24Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi. 25Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu•, noEliya, nomprofeti lowo? 26Wabaphendula uYohane, esithi, Mna ndibhaptiza ngamanzi; ke phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina. 27Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe.
28Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.
29Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi. 30Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi kwam; ngokuba yayitanci kum. 31Bendingayazi nam; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli.
32Wangqina uYohane, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe. 33Bendingamazi nam; owandithumayo ukubhaptiza ngamanzi, nguye owathi kum, Othe wambona uMoya esihla ahlale phezu kwakhe, nguye lowo ubhaptiza ngoMoya oyiNgcwele. 34Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo.
Abafundi bokuqala bakaYesu
35Ngengomso ubuye wema uYohane nababini kubafundi bakhe; 36ondelé kuYesu ehamba, uthi, Nantso iMvana kaThixo. 37Bamva ethetha abafundi ababini, bamlandela uYesu.
38Ke kaloku ujikile uYesu, ababone belandela, athi kubo, Nifuna ntoni na? Bathi ke bona kuye, Rabhi (oko kukuthi ngentetho evakalayo, mfundisi), uhlala phi na? 39Athi kubo, Yizani nibone. Beza, babona ke apho ahlala khona; bahlala naye loo mini; laye ke ilixa lingathi leleshumi. 40YayinguAndreya, umzalwana kaSimon Petros, omnye wabo babini, babeve kuYohane, bamlandela. 41Yena ufumana kuqala owakhe umzalwana, uSimon, athi kuye, SImfumene uMesiya (oko kukuthi ngentetho evakalayo, uKristu•). 42Wamsa kuYesu; uthe ke uYesu wondela kuye, wathi, Wena unguSimon, unyana kaYona; kuya kuthiwa unguKefas (oko kukuthi ngentetho evakalayo, ùnguPetros•).
43Ngengomso uYesu wafuna ukuphuma aye kwelaseGalili; ufumana uFilipu, athi kuye, Ndilandele. 44Ke kaloku uFilipu ebengowaseBhetesayida, womzi wakuloAndreya noPetros.
45UFilipu ufumana uNataniyeli, athi kuye, Lowo uMoses wabhala ngaye emthethweni, kwanabaprofeti, simfumene, uYesu unyana kaYosefu, lowo waseNazarete. 46Wathi uNataniyeli kuye, Inako na into elungileyo ukuphuma eNazarete? Athi uFilipu kuye, Yiza ubone. 47UYesu wambona uNataniyeli esiza kuye, athi ngaye, Nanko umSirayeli inyaniso, ekungekho nkohliso kuye. 48Athi uNataniyeli kuye, Undazi ngani na? Waphendula uYesu wathi kuye, Phambi kokuba uFilipu akubize, uphantsi komkhiwane, ndandikubona. 49Aphendule uNataniyeli athi kuye, Rabhi, wena unguye uNyana kaThixo, wena unguye uKumkani kaSirayeli. 50Waphendula uYesu wathi kuye, Ngokuba ndithe kuwe, Ndandikubona uphantsi komkhiwane, uyakholwa na? Uya kubona izinto ezingaphezulu kwezo. 51Athi kuye, Inene, inene, ndithi kuni, Emveni koku niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu koNyana woMntu.

Currently Selected:

UYOHANE 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy