YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 41

41
Ukubulawa kukaGedaliya nguIshmayeli nentsabo kaIshmayeli
1Kwathi ngenyanga yesixhenxe, weza uIshmayeli unyana kaNetaniya, unyana kaElishama, wasembewini yokumkani, wakubathetheli bokumkani, enamadoda alishumi, kuGedaliya unyana ka-Ahikam eMizpa; badla isonka ndawonye eMizpa apho. 2Wesuka uIshmayeli unyana kaNetaniya, namadoda alishumi abenaye, wamxabela uGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, ngekrele; wambulala ke obenziwe umveleli ngukumkani waseBhabheli ezweni eli; 3namaYuda onke abenaye, abenoGedaliya eMizpa, namaKaledi awafunyanwayo khona, angamadoda okulwa, wawabulala uIshmayeli.
4Kwathi ke ngomhla wesibini emva kokubulawa kukaGedaliya, kungàzi mntu, 5kwafika amadoda evela kwaShekem naseShilo nakwaSamari, amadoda angamashumi asibhozo, eguye iindevu, ezikrazule iingubo, ezicentile, eneminikelo yokudla nentlaka emhlophe ezandleni zawo, eyizisa endlwini kaYehova. 6Waphuma eMizpa uIshmayeli unyana kaNetaniya, waya kuwakhawulela, emana ehamba elila. Kwathi, akufika kuwo, wathi kuwo, Yizani kuGedaliya unyana ka-Ahikam. 7Kwathi, akufika phakathi komzi, wawabulala uIshmayeli unyana kaNetaniya, wawalahlela emhadini phakathi, yena namadoda lawo abenaye. 8Ke kwafumaneka kuwo amadoda alishumi, awathi kuIshmayeli, Musa ukusibulala, ngokuba sinezisele endle ezinengqolowa, nerhasi, neoli, nobusi. Wawayeka ke, akawabulala phakathi kwabazalwana bawo. 9Ke kaloku umhadi, apho uIshmayeli wazilahlela kuwo ngakuGedaliya zonke izidumbu zamadoda abewabulele (lowo wawenzayo ukumkani uAsa ngenxa kaBhahesha ukumkani wakwaSirayeli), uIshmayeli unyana kaNetaniya wawuzalisa ngababuleweyo.
10UIshmayeli wawathimba onke amasalela abantu abaseMizpa, iintombi zokumkani, nabantu bonke ababesele eMizpa, abenziwe umveleli wabo uGedaliya unyana ka-Ahikam nguNebhuzaradan, umthetheli wabasiki; wabathimba ke uIshmayeli unyana kaNetaniya, wahamba, wawelela koonyana baka-Amon.
11Weva uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ezibe zinaye, bonke ububi awabenzayo uIshmayeli unyana kaNetaniya; 12bawathabatha onke amadoda, baya kulwa noIshmayeli unyana kaNetaniya, bamfumana ngasemanzini amakhulu aseGibheyon. 13Kwathi, bonke abantu abanoIshmayeli, bakumbona uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bezimpi ezinaye, bavuya; 14bajika bonke abantu abebathimbe eMizpa uIshmayeli, babuya baya kuYohanan unyana kaKareha. 15Ke uIshmayeli unyana kaNetaniya wasínda, enamadoda asibhozo, ebusweni bukaYohanan, waya koonyana baka-Amon.
16Wawathabatha uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababenaye, onke amasalela abantu, awababuyisayo kuIshmayeli unyana kaNetaniya eMizpa, emveni kokuba ebembulele uGedaliya unyana ka-Ahikam, amagorha, amadoda okulwa, nabafazi, nabantwana, namathenwa, abewabuyisile eGibheyon. 17Baya bahlala endlwini yabaphambukeli kaKimham engaseBhetelehem, ukuba baye kungena eYiputa, ngenxa yamaKaledi. 18Ngokuba babewoyika, ngokuba uIshmayeli unyana kaNetaniya ebembulele uGedaliya unyana ka-Ahikam, owayenziwe umveleli welizwe ngukumkani waseBhabheli.

Currently Selected:

UYEREMIYA 41: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy