YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 25

25
Ukongamela kweBhabheli phezu koYuda
1Ilizwi elafikayo kuYeremiya ngokusingisele ebantwini bonke bakwaYuda, ngomnyaka wesiné kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ongumnyaka wokuqala kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli; 2awalithethayo uYeremiya umprofeti kubantu bonke bakwaYuda, nakubemi bonke baseYerusalem, esithi, 3Kuthabathela kumnyaka weshumi elinesithathu kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda, kuzise kule mini, le minyaka imashumi mabini anamithathu, bekufika ilizwi likaYehova kum; bendithetha kuni, ndivuka kwakusasa ndithethe; anivanga noko.
4UYehova wathumela kuni bonke abakhonzi bakhe abaprofeti, ebathuma evuka kwakusasa; aniphulaphulanga noko, anizithobanga iindlebe zenu ukuba nive. 5Baye besithi, Khanibuye elowo endleleni yakhe embi, nasebubini beentlondi zenu; nòhlala emhlabeni awaninikayo uYehova, nina nooyihlo, ngonaphakade kanaphakade; 6ningalandeli thixo bambi, ningabakhonzi, ningaqubudi kubo, ningandiqumbisi ngezenzo zezandla zenu, ukuze ndingenzi nto imbi kuni. 7Aniphulaphulanga kum, utsho uYehova; ukuze nindiqumbise ngezenzo zezandla zenu, kuze kube kubi kuni.
8Ngako oko utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngenxa enokuba ningawevanga amazwi am, yabonani, 9ndithumela ukuba ndiyithabathe yonke imizalwane yelasentla, utsho uYehova; ndithumela kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyizisele phezu kweli lizwe, naphezu kwabemi balo, naphezu kwezi ntlanga zonke, ngeenxa zonke; ndizisingele phantsi, ndizenze ummangaliso nomsondlo, neempanza ezingunaphakade; 10ndoliphelisa phakathi kwazo izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi, izwi lokusila nokukhanya kwesibane. 11Eli lizwe lonke liya kubharha, kube senkangala; ezi ntlanga zimkhonze ukumkani waseBhabheli iminyaka emashumi asixhenxe.
12Kuya kuthi ke, xa izalisekileyo iminyaka emashumi asixhenxe, ndimvelele ukumkani waseBhabheli nolo luhlanga, ngenxa yobugwenxa babo; utsho uYehova. Nelizwe lamaKaledi ndolenza kube senkangala ngonaphakade, 13ndilizisele elo lizwe onke amazwi am endawathetha ngalo: into yonke ebhaliweyo kule ncwadi, ayiprofetileyo uYeremiya ngeentlanga zonke. 14Ngokuba ziya kuwakhonzisa nawo iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu, ndiwavuze ngokwemisebenzi yawo, nangokwezenzo zezandla zawo.
Indebe yewayini yomsindo kaThixo efanele ukuselwa ziintlanga
15Ngokuba utshilo kum uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha le ndebe yewayini yobushushu esandleni sam, useze ngayo iintlanga zonke, endikuthumela kuzo; 16zisèle, zihexe, zigeze, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwazo.
17Ndayithabatha ke indebe esandleni sikaYehova, ndaziseza zonke iintlanga, awandithumela kuzo uYehova: 18iYerusalem, nemizi yakwaYuda, nookumkani bayo, nabathetheli bayo, ukuba benziwe iimpanza, nommangaliso, nomsondlo, nentshabhiso, njengoko kunjalo namhla; 19uFaro ukumkani waseYiputa, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nabantu bakhe bonke; 20nomxukuxela wonke, nookumkani bonke belizwe lakwaUtse, nookumkani bonke belizwe lamaFilisti, neAshkelon, neGaza, ne-Ekron, namasalela aseAshdode; 21uEdom, noMowabhi, noonyana baka-Amon; 22nookumkani bonke baseTire, nookumkani bonke baseTsidon, nookumkani bonke besiqhithi esiphesheya kolwandle; 23uDedan, noTema, noBhizi, noonquthula-iinwele bonke; 24nookumkani bonke bama-Arabhi, nookumkani bonke bomxukuxela omiyo entlango; 25nookumkani bonke bamaZimri, nookumkani bonke bamaElam, nookumkani bonke bamaMedi; 26nookumkani bonke belasentla, abakufuphi nabakude, elowo nomzalwana wakhe, nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba; asèle emva kwabo ukumkani waseSheshaki.
27Ngoko ke wòthi kubo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Selani ninxile, nihlanze, niwe, ningavuki, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwenu. 28Kothi, xa bathe àbavuma ukuyithabatha indebe esandleni sakho ukuba basele, uthi kubo, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Niya kusela ngenene. 29Ngokuba, yabonani, ndiqalela emzini obizwa ngegama lam, ukuhlisa ububi; ningába msulwa nide nibe msulwa na ke nina? Aniyi kuba msulwa; ngokuba ikrele ndilibizela bonke abemi behlabathi; utsho uYehova wemikhosi.
30Ke wena uze ubaprofetele loo mazwi onke, uthi kubo, UYehova uya kubharhula phezulu, alikhuphe ilizwi lakhe ekhayeni lakhe eliyingcwele; úya kubharhula alibharhulele ikriwa lakhe; uya kubahlabela amayeyeye, njengabaxovuli beediliya, bonke abemi behlabathi. 31Ingxolo iya kufika esiphelweni sehlabathi, ngokuba uYehova ubambene neentlanga; uya kugweba phakathi kwenyama yonke; abangendawo ubanikela ekreleni; utsho uYehova.
32Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ububi buya kuphuma eluhlangeni, buye eluhlangeni, umoya omkhulu ovuthuzayo uvuke esinqeni sehlabathi. 33Ababuleweyo nguYehova ngaloo mini, bathabathele ekupheleni kwehlabathi, bese ekupheleni kwehlabathi, bangambanjazelelwa, bangàhlanganiswa, bangàngcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba.
34Bhombolozani, balusi, nikhale; nizigalele ngothuthu, zingangamsha zomhlambi; ngokuba izalisekile imihla yenu yokuba nisikwe. Ndiya kuniphangalalisa, niwe njengesitya esinqwenelekayo; 35iphele intsabo kubalusi, nokusinda kwiingangamsha zomhlambi. 36Yivani ukukhala kwabalusi, nokubhomboloza kweengangamsha zomhlambi; ngokuba uYehova uyalibhuqa idlelo labo. 37Athe shwaka amakriwa oxolo, ngenxa yokuvutha komsindo kaYehova. 38Úlushiyile njengengonyama entsha udada lwakhe; ngokuba kuthe kwaba senkangala kulo ilizwe labo ngenxa yekrele elidlavulayo, nangenxa yokuvutha komsindo wakhe.

Currently Selected:

UYEREMIYA 25: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy