YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 14

14
Imbalela kwaYuda; umthandazo kaYeremiya
1Into eyafikayo kuYeremiya, ililizwi likaYehova, ngendawo yokunqumka kwemvula.
2Linesijwili elakwaYuda; amasango alo athe matshamatsha, ahlala emhlabeni enezimnyama zokuzila; kuyenyuka ukukhala kweYerusalem. 3Iingangamsha zabo zithuma abaphantsi kwazo amanzi; bafika emaquleni, bangafumani manzi; babuya imiphanda yabo izé, bedanile; bathi nqa, bagqubuthele intloko. 4Ngenxa yomhlaba oqhiphuke umbilini, kuba kungabangakho mvula ezweni, abalimi badanile, bagqubuthele intloko. 5Ewe, nemazi yexhama iyazala endle, iyishiye inkonyana, ngokuba kungekho luhlaza. 6Namaesile asendle emi eluqayini, esezela umoya njengeempungutye; ayaphela amehlo awo, ngokuba kungekho mifuno.
7Ukuba ubugwenxa bethu bungqina ngathi, Yehova, yenza ngenxa yegama lakho; ngokuba kuninzi ukuphamba kwethu; sonile kuwe. 8Themba likaSirayeli, Msindisi wakhe ngexesha lembandezelo, yini na ukuba ube njengomphambukeli kweli lizwe, ube njengomhambi olalise okobusuku obunye? 9Yini na ukuba ube njengendoda esuke yathi nka, ube njengegorha elingenakusindisa; kanti uphakathi kwethu, Yehova, negama lakho sibizwe ngalo. Musa ukusiyekela.
10Utsho uYehova kwaba bantu, ukuthi, Benjénje ukuthanda ukubhadula; iinyawo zabo abazinqandanga; uYehova akakholiswa ngabo; kungoku uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo. 11Wathi uYehova kum, Musa ukubathandazela aba bantu, ukuba kulunge kubo. 12Xa bazila ukudla, andiyi kukuphulaphula ukuhlahlamba kwabo; naxa banyusa amadini anyukayo neminikelo yokudla, andiyi kukholiswa ngawo; ke ndiya kubaphelisa ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa.
13Ndaza ndathi, Kwowu, Nkosi Yehova, yabona, abaprofeti bathi kubo, Aniyi kubona krele, nendlala aniyi kuba nayo; ndiya kuninika uxolo oluyinyaniso kule ndawo.
14Wathi uYehova kum, Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam; andibathumanga, andibawiselanga mthetho, andithethanga kubo; bona baniprofetela umbono wobuxoki, nokuvumisa, nento engento, nenkohliso yentliziyo yabo. 15Ngako oko uthi uYehova, ngokusingisele kubaprofeti abaprofeta egameni lam, ndingabathumanga mna, abathi, Akuyi kubakho krele nandlala kweli lizwe; uthi, Baya kufa likrele nayindlala bona abo baprofeti. 16Naba bantu, baprofetela bona, baya kuba yimilahlwa ezitratweni zaseYerusalem ngenxa yendlala nekrele; kungabikho ubangcwabayo, bona, nabafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, ndibaphalazele ngeento zabo ezimbi.
17Ngoko uze uthethe kubo eli lizwi lokuthi, Amehlo am ahla iinyembezi ubusuku nemini, angaphezi; ngokuba yaphulwe ngolwaphulo olukhulu inkazana eyintombi yabantu bakowethu, ngenxeba elibulalayo kakhulu. 18Ukuba ndithe ndaphuma ndaya emaphandleni, nabó ababuleweyo likrele; ukuba ndithe ndangena kuwo umzi, nabó abáfa yindlala; ngokuba umprofeti kwanombingeleli bayaquleka ezweni abangalaziyo.
19Ùmcekisé kwaphela na uYuda? Údimele na yiZiyon umphefumlo wakho? Yini na ukuba usibethe, singabi nakuphiliswa? Sithembé uxolo, akwabakho nto ilungileyo; sithembé ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka. 20Siyakwazi, Yehova, okungendawo kwethu, ubugwenxa boobawo; ngokuba sonile kuwe. 21Ngenxa yegama lakho, musa ukusigiba; ungayihlazisi itrone yobuqaqawuli bakho. Khumbula, ungawaphuli umnqophiso wakho nathi. 22Phakathi kothixo abangento beentlanga, bakhó na abangánisa imvula? Izulu lingáyinika na imivumbi? Asinguwe na, Yehova Thixo wethu? Sithembé wena; ngokuba uzenzile wena zonke ezo zinto.

Currently Selected:

UYEREMIYA 14: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy