YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 12

12
Ingxaki yempumelelo yabagwenxa
1Ùlilungisa, Yehova, xa ndibambeneyo nawe; ndothetha iindawo ezisesikweni zodwa. Kungathuba lini na ukuba indlela yabangendawo ibe nempumelelo, babe nokuchulumacha bonke abanginiza benginizile? 2Ùbatyéle, bendela nokwendela iingcambu; bayakhula, benze neziqhamo. Ùsondele emlonyeni wabo, wakude ezintsweni zabo. 3Wena, Yehova, uyandazi; uyandibona, uyicikida intliziyo yam enawe. Báqweqwedíse njengeegusha, baxhelwe, ubangcwalisele umhla wokubulawa. 4Kunini na ilizwe linesijwili, umfuno wamasimi onke womile? Ngenxa yeento ezimbi zabemi balo, ziphephethekile iinkomo neentaka; ngokuba besithi, Akayi kulibona ikamva lethu.
5Xa ùgidime nabeenyawo, bakudinisa, wòthini na ukushiyiselana namahashe? Xa ukholose ngelizwe elinoxolo, wòthini na ekweneni kweYordan? 6Ngokuba nabazalwana bakho, nendlu kayihlo, banginizile kuwe nabo; bayamemeza emva kwakho nabo ngezwikazi elikhulu. Musa ukukholwa ngabo, xa bathetha izinto ezilungileyo kuwe.
Ukuphanziswa kukaYuda zizizwe ezimelene naye
7Ndiyishiyile indlu yam, ndililahlile ilifa lam, ndiyinikele intánda yomphefumlo wam esandleni seentshaba zayo. 8Ilifa lam lisuke laba njengengonyama yasehlathini kum, lindikhuphele ilizwi lalo; ngenxa yoko ndilithiyile. 9Ilifa lam lukhozi oluthe chokochoko na kum, ukuba iinkozi zilingungele nje? Yizani, nihlanganise onke amarhamncwa asendle; waziseni adle. 10Abalusi abaninzi basonakalisile isidiliya sam, basingqushile isizibá sam somhlaba; basibharhisile isizibá sam esinqwenelekayo, sayintlango. 11Basibharhisile; sisijwili ngeenxa zonke kum; sibharhile, kusenkangala kulo lonke ilizwe, ngokuba akubangakho mntu ukubekela intliziyo oko. 12Eluqayini lonke lwasentlango kufike ababhuqi; ngokuba ikrele likaYehova liyadla, lithabathela ekupheleni kwelizwe, lise ekupheleni kwelizwe; akukho luxolo kwinyama yonke. 13Báhlwayela ingqolowa, bavuna ameva; bazidubile, àbafeza utho. Danani ke lúngeniselo lwenu, ngenxa yobushushu bomsindo kaYehova.
Ikamva lezizwe ezimelene noYuda
14Utsho uYehova ngabamelwane bam bonke abanobubi, abachukumisa ilifa endalidlisa abantu bam amaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyabanyothula emhlabeni wabo, ndiyinyothule indlu yakwaYuda phakathi kwabo. 15Kuya kuthi, emveni kokuba ndibanyothule, ndibuye ndibe nemfesane kubo, ndibabuyisele elowo elifeni lakhe, elowo emhlabeni wakhe. 16Kothi, ukuba bathe bazifunda ngenkuthalo iindlela zabantu bam; ukuba bafunge igama lam, bathi, Ehleli nje uYehova, njengoko babafundisáyo abantu bam ukufunga uBhahali;• baze bakheke phakathi kwabantu bam.
17Ke ukuba bathe abeva, ndolunyothula olu hlanga, ndilunyothule, ndilutshabalalise; utsho uYehova.

Currently Selected:

UYEREMIYA 12: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy