YouVersion Logo
Search Icon

UMATEYU 23

23
UYesu ukhalimela ababhali nabaFarisi
(ULuka 11:37 – 12:3)
1Waza uYesu wathetha kwisihlwele nakubafundi bakhe, esithi, 2Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses. 3Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi. 4Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo. 5Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ngokunga bangabonwa ngabantu; bawènze banzi amaqhaga abo ezikhumbuzo, bayàndise imiqukumbelo yeengubo zabo. 6Kananjalo bathanda izilili zobukhulu ezidlweni, kwanezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, 7nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa ngabantu kuthiwe, Rabhi, Rabhi.•
8Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana. 9Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini. 10Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu. 11Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu. 12Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nosukuba ezithoba uya kuphakanyiswa.
13Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangénayo anibavumeli ukuba bangene.
14Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; ngenxa yoko niya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.
15Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze nokuba mnye ongena ebuYudeni; nithi, xa athe wazuzeka, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani.
16Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala. 17Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na? 18Kanjalo nina nithi, Othe wafunga isibingelelo, akunto oko; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwaso, unetyala. 19Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na? 20Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso. 21Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo. 22Nalowo uwafungayo amazulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo.
23Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nedile• nekumin,• kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi. 24Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, ke baginye inkamela.
25Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ke ngaphakathi kuzele kukuphanga nokungazeyisi. 26MFarisindini uyimfama, hlambulula tanci okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze kuthi okungaphandle kwazo kuhlambuluke nako.
27Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nifana namangcwaba aqatywe ifutha, athi abonakale emahle okunene ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nokungcola konke. 28Ngokukwanjalo nani ngaphandle okunene nibonakala kubantu ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasene nomthetho.
29Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa, 30nithi, Ukuba sasikho thina ngemihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti. 31Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo bábulala abaprofeti. 32Wuzaliseni kambe nani umlinganisela wooyihlo.
33Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuwusaba umgwebo wesihogo? 34Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; niya kuthi inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni, nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi; 35ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni apha, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBherekiya, enambulalela phakathi kwendawo engcwele nesibingelelo. 36Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana.
UYesu ulilela iYerusalem
37Yerusalem, Yerusalem, wena ubabulalayo abaprofeti, ubagibisele ngamatye abo bathunywe kuwe, kufuthi kangakanani na ndithandé ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma! 38Yabonani, indlu yenu ishiywa nani izé. 39Kuba ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.

Currently Selected:

UMATEYU 23: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy