YouVersion Logo
Search Icon

OOKUMKANI II 1

1
UEliya ubiza umlilo uhle ezulwini
1Ke kaloku amaMowabhi akreqa kumaSirayeli emva kokufa kuka-Ahabhi.
2UAhaziya wawa efestileni yegumbi lakhe eliphezulu elikwaSamari, wahliwa kukufa ke; wathuma abathunywa, wathi kubo, Hambani niye kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, ukuba ndiya kuphila na kwesi sifo. 3Ke isithunywa sikaYehova sasithethile kuEliya waseTishbhi, sathi, Suka, unyuke uye kukhawulela abathunywa bokumkani wakwaSamari, uthethe kubo, uthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto niya kubuzisa kuBhahalizebhubhi, uthixo wase-Ekron? 4Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Isingqengqelo eso, ùnyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa. Wahamba ke uEliya.
5Babuya abathunywa, beza kuye. Wathi kubo, Yini na ukuba nibuye? 6Bathi kuye, Kunyuké indoda, yeza kusikhawulela, yathi kuthi, Hambani nibuye, niye kukumkani lowo unithumileyo, nithethe kuye, nithi, Utsho uYehova ukuthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto uthumela ukuba kubuziswe kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron? Ngako oko isingqengqelo eso, ùnyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa. 7Wathetha kubo, wathi, Iluhlobo luni na indoda leyo inyukileyo yeza kunikhawulela, yathetha loo mazwi kuni? 8Bathi kuye, Yindoda engubo ixhonti, ebhinqe umbhinqo wentlonze esinqeni sayo. Wathi ke, NguEliya waseTishbhi.
9 Ukumkani wathumela kuye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka weza kuye; nanko ke ehleli encotsheni yentaba. Wathetha kuye wathi, Mfo wakwaThixo, úthe ukumkani, Yihla. 10Waphendula uEliya, wathi kumthetheli-mashumi-mahlanu, Ukuba ke mna ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Kwehla ke umlilo ezulwini, wamdla yena namashumi omahlanu akhe.
11Wabuya wamthumela kuye omnye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka wathi kuye, Mfo wakwaThixo, útsho ukumkani ukuthi, Khawuleza uhle. 12Waphendula uEliya, wathi kubo, Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Wehla ke umlilo kaThixo ezulwini, wamdla yena namashumi omahlanu akhe.
13Wabuya wathuma owesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka ke owesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, waguqa ngamadolo phambi koEliya, watarhuzisa kuye, wathi kuye, Mfo wakwaThixo, mawunqabe emehlweni akho umphefumlo wam, nomphefumlo wabakhonzi bakho abamashumi mahlanu. 14Ùyabona, kwehla umlilo ezulwini, wabadla abathetheli bobabini baloo mashumi angamahlanu, kunye namashumi omahlanu abo; ngoko ke mawunqabe emehlweni akho umphefumlo wam.
15Sathi isithunywa sikaYehova kuEliya, Yihla naye; musa ukumoyika. Wesuka ke, wehla, waya naye kukumkani. 16Wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uthumele abathunywa bokubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, kungábuziswa kuye? Ngako oko isingqengqelo eso, unyuké waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa.
17Wafa ke ngokwelizwi likaYehova elathethwa nguEliya. UYehoram waba ngukumkani esikhundleni sakhe, ngomnyaka wesibini kaYehoram unyana kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda; ngokuba yena ebengenanyana. 18Ezinye izinto zika-Ahaziya awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

Currently Selected:

OOKUMKANI II 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy