Logo YouVersion
Eicon Chwilio

IINDUMISO 114

114
Umhobe *wePasika
1Ke kaloku ekuphumeni kwamaSirayeli eJiputa,
ewe, ekundulukeni kwendlu kaYakobi kwelasemzini,
2uJuda waba libango *likaNdikhoyo,
ke yena uSirayeli waba luhlanga lwakhe.
3Luthe lungabona lwaswantsula ulwandle;
kanti ke yona iJordan suka yahlehla.
4Iintaba zadloba, zaxel' amankonyana;
ke zona iinduli zataka-taka, zaxel' amatakane.
5Lwandle, ngani ukuba ubaleke?
Jordan, ngani uhlehl' umva nje?
6Ngani ukuba zidlob' okwamankonyana iintaba?
Kungan' ukub' iinduli zitaka-take okwamatakane?
7Ewe, hlabathi, khawurhwaqele, uyeza uNdikhoyo;
rhwaqela phambi koThixo kaYakobi,
8umajik' ulwalwa luntywil' emanzini,
inyengan' impompoz' umthombo.

Dewis Presennol:

IINDUMISO 114: XHO96

Uwcholeuo

Copi

Cymharu

Rhanna

None

Eisiau i'th uchafbwyntiau gael eu cadw ar draws dy holl ddyfeisiau? Cofrestra neu mewngofnoda