YouVersion Logo
Search Icon

UZEFANIYA 1

1
Intshayelelo
1Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafika kuZefaniya unyana kaKushi, unyana kaGedaliya, unyana ka-Amariya, unyana kaHezekiya. Ngoko ke kwakungethuba lolawulo lukaJosiya unyana ka-Amon owayengukumkani kwaJuda.
Isilumkiso ngentshabalalo
2“Ndosuka nditshayele konke nje,
ndikhucule konke ehlabathini.”
Nguwo lowo umlomo *kaNdikhoyo.
3“Ndotshayela nje umntu nesilwanyana.
Ewe, ndozitshabalalisa iintaka esibhakabhakeni,
ndenjenjalo nasezintlanzini zolwandle.
Ndobasusa abakhohlakeleyo bezizikhubekiso,
ndimnqamle kuphele umntu ehlabathini.”
Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.
4“Isandla sam ndosolulela kuJuda
nakubo bonke abemi beJerusalem,
ndiwanqamle kule ndawo amasalela kaBhali,
ndiwacime amagama abanquli-zithixo kunye nababingeleli bazo –
5nditsho bona abo baguqa phezu kwezindlu benqula iinkwenkwezi,
abo baguqayo bafunge uNdikhoyo,
ukanti ke bakwafunga noMalkam,
6abo bakreqileyo ekulandeleni uNdikhoyo,
abo bangasamfuni nganto uNdikhoyo,
kungekho nanto bayibuzayo kuye.
7Ewe, yithini cwaka phambi kweNkosi uNdikhoyo;
kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango.
Yena ulilungisile idini,
ubangcwalisile abo abamemileyo.
8Ngaloo mini yedini likaNdikhoyo
ndiya kuwohlwaya amatshawe,
ndibabethe oonyana bokumkani
nâbo bavatha impahla yasemzini.
9Ngaloo mini ndiya kubohlwaya bonke abatsiba umgubasi womnyango,
abazalisa indlu yothixo wabo ngogonyamelo kunye nenkohliso.
10“Ngaloo mini,” nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo,
“kovakala isikhalo ngakwiSango leeNtlanzi,
ibe sisijwili ngakuMzi oMtsha,
kuvakale isithonga ngasezindulini.
11Yenzani isijwili, nina bahlala esigingqini.
Bonke abarhwebi botshatyalaliswa,
bavuthululwe abashishina ngesiliva.
12Ngelo xesha ndophath' izibane ndiphicothe iJerusalem,
ndibohlwaye abo bangakhathalele nto,
abo bafana newayini enentlenge,
abathi: ‘UNdikhoyo soze enze nto,
nditsho nokuba intle okanye imbi.’
13Ubutyebi babo buya kuxhatshazwa,
izindlu zabo zona zibhodlozwe.
Boba ngazakha ke izindlu,
kodwa bangaze bahlale kuzo.
Ewe, bozilima izidiliya,
kodwa bangaze basele wayini yazo.”
Imini enkulu kaNdikhoyo
14Isondele imini enkulu *kaNdikhoyo;
ewe, isondele, yaye iza ngokukhawuleza.
Yivani! Isikhalo soba krakra ngemini kaNdikhoyo –
nditsho imikhwazo yamagorha ngaloo mini.
15Leyo yoba yimini yengqumbo,
imini yokuxhwaleka nosizi,
umhla wentshabalalo nembubho,
umhla wobumnyama nesithokothoko,
imini yamafu nomnyam' ombonde-mbonde,
16umhla wesigodlo nentlaba-mkhosi
ebhekisa kwizixeko ezinqatyisiweyo
nakwezo nqaba ziphakamileyo.
17Abantu ndobazisela inkxwaleko;
bosuka bafathule ngathi ziimfama.
Kaloku bamonile uNdikhoyo.
Igazi labo lophalala njengothuli,
imizimba yabo ivuthuluke njengobulongwe.
18Soze yabasindisa igolide nesiliva yabo
ngaloo mini yengqumbo kaNdikhoyo.
Umhlaba wotshiswa wonke ngumlilo wekhwele lakhe.
Uya kubenzela isiphelo esipheleleyo nesikhawulezileyo bonke abemi behlabathi.

Currently Selected:

UZEFANIYA 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy