YouVersion Logo
Search Icon

IZILILO 1

1
Umvandedwa weJerusalem
1Awu! Kusisizungu kwisixeko
ebesifudula sinenyambalala yabantu,
nqwa nomhlolokazi obesakuba nodumo ezizweni.
Lowo wayeyikumkanikazi yamazwana suka waba likhobokazana ngoku.
2Uyangqukruleka elila ebusuku,
izidlele zakhe zisihla iinyembezi.
Kuzo zonke izithandwa zakhe akukho simthuthuzelayo;
bonke abahlobo bakhe bamngcatshile, suka baziintshaba zakhe.
3UJuda uye ekuthinjweni, weva iinkxwaleko nokusebenza nzima.
Uhleli phakathi kweentlanga; akakufumani ukuphumla.
Bamfumene bonke abamsukelayo, bamxina macala onke.
4Zizilile iindlela ezibheka eZiyon,
kuba akukho mntu uzayo kwimisitho yakhe.
Asebugxwayibeni amasango akhe;
ababingeleli bakhe babandezelekile;
lusizi lodwa kumthinjana,
ke yena usentlungwini ekrakra.
5Ababandezeli bakhe basuke baba ziinkosi zakhe;
iintshaba zakhe azinaxhala.
Ubekwe elusizini *nguNdikhoyo ngenxa yezikreqo zakhe ezininzi.
Abantwana bemkile ezweni labo, bangabathinjwa beentshaba.
6Buphele tu ubungangamsha bentombi enguZiyon.
Iziphathamandla zayo zinjengeenyamakazi ezingenadlelo;
zibuthathaka zinjalo ziyasaba, zibaleka abasukeli.
7Ngemihla yayo yenkxwaleko nokubhadula
iJerusalem iyabukhumbula bonke ubuncwane bayo bamandulo.
Akubangakho mntu wakuyinceda xa abantu bayo babesoyiswa lutshaba.
Iintshaba zayo zayiwa ngeentsini zakubona isiphelo sayo.
8IJerusalem yone kakhulu,
yaza ke ngoko yaba nomlaza.
Bonke ababefudula beyihlonele basuke bayidela,
kuba bebubonile ubuze bayo.
Nayo itsho ngencwina,
ide izifihle ubuso.
9Ukungcola kwayo kunamathele kwizivatho zayo;
ayilikhumbulelanga ikamva layo,
kwaza kwakhwankqisa ukuwa kwayo.
Akubangakho namnye uyithuthuzelayo.
Ithi: “Awu, Ndikhoyo, bona iimbandezelo zam;
kuba kaloku utshaba luyazigwagwisa.”
10Iintshaba zayo zibuphangile boke ubuncwane bayo;
zangena ijongile iintlanga kweyona ndawo ingcwele –
abantu ongabavumelanga, Ndikhoyo, ukuba bangene ebandleni lakho.
11Abantu bayo bonke batsho ngencwina
xeshikweni behamba befuna ukutya;
bancama nempahla yabo yexabiso,
befuna ukudla khon' ukuze bahlaziyeke.
Ithi: “Awu, Ndikhoyo, khangela ubone,
kuba ndingodeliweyo.”
12Asilutho na kuni, nonke nina nidlula ngendlela?
Khangelani nibone:
ikho na intlungu enjengeyam andihlabanisele ngayo uNdikhoyo,
intlungu andihlisele yona ngemini yokuvutha komsindo wakhe?
13Wathoba umlilo ophuma phezulu,
watsho waya kufikelela ezantsi emathanjeni.
Uzithiyele ngomgibe iinyawo zam,
ndatsho ndabuya umva.
Wandenza ndanesizungu,
ndatyhafa imini yonke.
14Izikreqo zam zibhijelene;
ziyidyokhwe isandla sikaNdikhoyo esindibophe ngayo,
zihleli zinzi entanyeni yam.
INkosi iwaqobile amandla am;
indinikezele esandleni sâbo ndingenakumelana nabo.
15INkosi izibukule zonke izithwala-ndwe zam;
ihlanganise umkhosi ukuze ucumze umlisela wakowethu.
INkosi iyinyhashe esixovululweni intombi enguJuda.
16Kungoko ndisenza isimbonono,
amehlo am ephalala iinyembezi.
Akukho bani ukufuphi kum ukundithuthuzela;
akukho mntu uhlaziya umoya wam.
Abantwana bam baphalele
kuba utshaba loyisile.
17IZiyon iyazolula izandla zayo,
kodwa ayinamthuthuzeli.
UNdikhoyo wawenza umyalelo ngoYakobi wokuba abamelwane bakhe babe ziintshaba zakhe;
kubo iJerusalem yinto enezothe.
18Ulilungisa uNdikhoyo,
kodwa ndiphikisene nomlomo wakhe.
Phulaphulani, nonke nina zizwe,
niyibone intlupheko endikuyo.
Umlisela nomthinjana wakowethu usekuthinjweni.
19Ndakhala kwizithandwa zam,
kodwa zandikhohlisa.
Ababingeleli bam, namadoda amakhulu, âtshabalala esixekweni
efuna ukudla ukuze ahlaziyeke.
20Khangela, Ndikhoyo, ndibandezeleke kakhulu;
amathumbu am ayaxuxuzela.
Intliziyo yam ikhathazekile,
kuba ndisuke ndangenwa luvukelo.
Phandle phaya ikrele liyabhubhisa,
ngaphakathi kukufa kodwa.
21Ivakele incwina yam,
kodwa akakho ondithuthuzelayo.
Zonke iintshaba zam zivile ngobubi obundihleleyo;
ziyagcoloda yinto ondenze yona.
Ibinga ingade ifike imini owawuyixelile,
ukuze nazo zifane nam.
22Khawuyibone yonke inkohlakalo yazo,
nazo uziphathe ngale ndlela undiphethe ngayo
ngenxa yazo zonke izikreqo zam.
Ndincwina ndincwinile;
umxhelo wam uwile.

Currently Selected:

IZILILO 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy