YouVersion Logo
Search Icon

EKAJUDA 1

1
Isingeniso
1Kubhala mna Juda osisicaka sikaYesu Krestu, nongumntakwabo-Yakobi. Ndibhalela abo babiziweyo nguThixo, abo bathandwayo nguThixo uBawo, belondolozwe nguYesu Krestu. 2Ndithi: kuni makongame inceba, uxolo, nothando.
Abalahlekisi
3Zihlobo zam, besendizimisele ukunibhalela ndithethe ngosindiso olu lusidibanisileyo. Kuthe kusenjalo ndabona kuyimfuneko ngakumbi ukuba ndinibhalele ndinikhuthaze ukuba nizabalaze nilwele ukholo olu salunikezelwa ngokupheleleyo nguThixo, thina bantu bakhe. 4Kaloku abantu abathile banyebeleze bangena ebandleni. Aba bantu bâphawulelwa intshabalalo kwantlandlolo *ziziBhalo. Bona baziintshaba zonqulo. Andithi kaloku bayasigqwetha isisa soThixo wethu, khon' ukuze bafumane ithuba lokurheletya! Ngokunjalo ke bayamchasa uMhlekazi, uYesu Krestu iNkosi yethu.
5Nakuba niyazi nje le ndawo, ndifuna ukukhe ndinikhumbuze ngayo. Kaloku iNkosi yawahlangula amaSirayeli eJiputa, kodwa kamva yabatshabalalisa abo bathi baveza intswela-mbeko nokuqhankqalaza. 6Khanikhumbule ngezithunywa zezulu. Kaloku inxalenye yazo zange yaneliseke zizikhundla zayo, yaza kananjalo yakreqa ekhayeni layo. Kungoku nje uThixo uzigcinele umhla omkhulu womgwebo. Ngoku zisesithokothokweni senzonzobila apho ziqanyangelwe ngamatyathanga angasoze akhululeke. 7Kwakhona khumbulani ngeSodom neGomora nabamelwane bazo. Kaloku abantu bezi dolophu nabo babefana nezi zithunywa. Ewe, babephala phambili ekurheletyeni, bade bakhanukane ngokunxamnye nemvelo. Nabo abo ke basisilumkiso, kuba bawuzuza umvuzo wabo – umlilo ongacimiyo.
8Kwangokunjalo ke naba banamaphupha, bangcolisa imizimba yabo, abakufuni ukulawulwa, futhi bayazingcikiva izithwala-ndwe zaphezulu. 9Aba bantu benza into engazange yenziwe nayinqununu yezithunywa uMikayeli. Kaloku xa babebangisana nomtyholi ngomzimba kaMosis, uMikayeli zange amenze isigculelo amgwebe, koko wathi: “Yanga ingakukhalimela iNkosi.” 10Kodwa bona aba bantu bayazingcikiva izinto abangaziqondiyo. Kambe ke zona izinto ábazazi ngemvelo, oku kwezilwanyana, zezona zikukufa kwabo. 11Yini le, bagabadele! Basekhondweni likaKayen. Bazintywilisele esonweni, khon' ukuze bazuze imali njengoBhalam. KwanjengoKora owayengafuni ukulawulwa, nabo bayagwayimba. Ngoko ke baya kutshabalala njengaye. 12Aba bantu bayazixabhela izidlo zenu. Kaloku bangena kuzo beziindlobongela zeendlavini, ezingakhathalele mntu ngaphandle kweziqu zazo. Bafana neengqimba zamafu aphehluzeliswa ngumoya, engezi nayo namvula. Bayimithi engathwali ziqhamo nasekwindla. Bafana nemithi enqukrulwe neengcambu yaza yatshabalala. 13Aba bantu bafana namaza alatyuzayo elwandle; ibe ke zona izenzo zabo ziyafumba njengogwebu. Bafana neenkwenkwezi ezibhadulayo, ziwuphosile umendo wazo. UThixo ubalungiselela indawo esithokothokweni senzonzobila.
14Kambe ke uInoki, owesixhenxe kwisizukulwana sika-Adam, wathetha kwantlandlolo ngaba bantu, wathi: “Khawukhangele! INkosi iyeza ikunye namawaka-waka ezithunywa zayo ezingcwele. 15Iza kugweba isingele phantsi bonke abantu abangamkhathalelanga uThixo. Aba bantu iza kubagweba ngenxa yezinto ezimanyumnyezi abazenzileyo; ngokunjalo nangenxa yezenyeliso abazithethileyo bengcikiva uThixo.” 16Aba bantu into abayaziyo kukukhalaza besola. Barhorhozela emva kweminqweno yabo egwenxa. Ngamabhongo abo baqhayisa baqhathe abantu, khon' ukuze babaxhaphaze.
Izilumkiso neziyalo
17Kodwa ke, zihlobo zam, akulahlwa mbeleko ngakufelwa! Ngoko ke wakhumbuleni amazwi enawaxelelwa ngabathunywa beNkosi yethu uYesu Krestu. 18Kaloku babetshilo ukuthi: “Ngemihla yokugqibela kuya kuvela abantu abalunyelisayo unqulo, bekhukuliswa yiminqweno yabo egwenxa.” 19Aba bantu badala iyantlukwano. Kaloku bona balawulwa yiminqweno yemvelo; abanalo ifuthe likaMoya. 20Ngoko ke nina, zihlobo zam, zingisani nizakhe elukholweni lwenu olunyulu. Thandazani niqhutywa nguMoya oyiNgcwele. 21Uthando lukaThixo maluhlale lunifumbathile ngoku nilinde iNkosi yethu uYesu Krestu. Kaloku yena unenceba, uya kunipha ubomi obungapheliyo.
22Velanani nabo abathandabuzayo; 23abanye nibarhiwule ngathi nibakhupha emlilweni, nibasindise. Kwabanye inceba yenu yixubeni noloyiko. Kaloku kufuneka nithiye kwanempahla le yomntu odyojwe kukungcola kwesimo sakhe esonakeleyo.
Umbongo
24Ke kaloku, kulowo unako ukunigcina ningawi, aze animise ebuqaqawulini bakhe ningenabala, nichulumacha, 25ewe, kuThixo okukuphela kwakhe, uMsindisi wethu ngaye uYesu Krestu iNkosi yethu, makubekho isidima nobungangamsha, amandla namagunya, kusukela ephakadeni, nanamhlanje, nanini-nanini na! *Amen!

Currently Selected:

EKAJUDA 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy