YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 9

9
UYesu uphilisa umntu ozelwe eyimfama
1UYesu wathi ehamba ngendlela wabona umntu owayezelwe eyimfama. 2Bambuza ke abafundi bakhe besithi: “Mfundisi, uphi undonakele ukuze azalwe eyimfama nje? Ngaba nguye, okanye ngabazali bakhe?”
3Waphendula uYesu wathi: “Eyimfama nje, akonanga yena, kungonanga nabazali bakhe. Uzelwe eyimfama ukuze amandla okusebenza kukaThixo abonakaliswe ngaye. 4Simelwe kukuyenza kusesemini imisebenzi esiyinikwe ngulowo undithumileyo. Ubusuku buyeza, apho kungayi kubakho bani unako ukusebenza. 5Okweli thuba ndisesehlabathini ndilukhanyiso lwehlabathi.”
6Akuba etshilo, uYesu watshicela emhlabeni, wenza udaka, wawaqaba ngalo amehlo emfama leyo; 7waza wathi kuyo: “Hamba uye kuhlamba kwichityana laseSilowa.” (Oko kukuthi “thunyiwe”.) Yahamba ke imfama, yaya kuhlamba, yabuya ibona.
8Abamelwane nabanye abantu ababeqhele ukumbona loo mntu engqiba, bathi: “Lo mfo asinguye na lowa ebehlala engqiba?”
9Abanye babesithi nguye, abanye besithi asinguye kodwa ufana naye. Waza umfo lowo wathi: “Ndinguye.”
10Bambuza ke, bathi: “Avulwe yintoni amehlo akho?”
11Wathi yena: “Laa mntu kuthiwa nguYesu, wenza udaka, waqaba ngalo amehlo am, wathi mandiye eSilowa, ndihlambe. Ndiyile ke, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.”
12Baza bathi: “Uphi loo mntu ngoku?”
Ke yena wathi: “Andazi.”
AbaFarasi benza uphando ngokuphila kwemfama
13Bamthatha ke loo mfo owayeyimfama, bamsa *kubaFarasi; 14kuba *kwakunguMhla wokuPhumla loo mini uYesu wenza udaka ngayo, wavula amehlo akhe. 15Ke ngoko abaFarasi bambuza lo mfo okokuba uphiliswe njani ebumfameni bakhe, waza wathi kubo: “Undiqabe amehlo ngodaka, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.”
16Baza abaFarasi abathile bathi: “Loo mntu akanakuba ngowakwaThixo, kuba akawuhloneli uMhla woPhumlo.”
Kodwa abanye babesithi: “Ukuba ebengumoni ebenokuthini ukwenza imiqondiso elolu hlobo?” Kwabakho impikiswano ke phakathi kwabo.
17Ke ngoko abaFarasi baphinda bathi kuloo mntu wayeyimfama: “Wena uthini ngaye, inguwe nje ovulwe amehlo?”
Waza wathi: “*Ungumshumayeli.”
18AmaJuda wona ayengakholwa ukuba wayeyimfama waza wabuya wabona, aza abiza abazali bakhe, 19abuza esithi: “Ngunyana wenu lo? Ngaba wazalwa eyimfama? Ebona nje ngoku kutheni?”
20Abazali bakhe baphendula bathi: “Ewe, ngunyana wethu lo. Wavela eyimfama; 21kodwa asazi ukuba kwenzeke ntoni ebona nje ngoku; nalowo uwavulileyo amehlo akhe asimazi. Buzani kuye; selemdala, unako ukuziphendulela.” 22Abazali bakhe batsho kuba besoyika amaJuda, kuba wona ayeselevumelene ngokuthi ovumayo ukuba uYesu unguye *uKrestu, uya kusikwa *endlwini yesikhungo. 23Kungoko ke abazali bakhe batshoyo ukuthi: “Buzani kuye; selemdala.”
24Ke ngoko amaJuda aphinda ambuza loo mntu wayezelwe eyimfama, athi kuye: “Sikufungisa uThixo ukuba uthethe inyaniso. Thina siyazi okokuba lo mntu ngumoni.”
25Waphendula wathi: “Ukuba ungumoni, nokuba akanguye, andazi. Ndazi nto-nye kuphela; bendiyimfama, ngoku ke ndiyabona.”
26Aza athi kuye: “Ukwenze ntoni kanye ukukuvula amehlo?”
27Wawaphendula wathi: “Sendinixelele nje, naza anaphulaphula; kutheni ukuba nifune ukuva kwakhona? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe?”
28Aza amaJuda amthuka, atsho nokuthi: “Nguwe ongumfundi walaa mfo; thina singabafundi bakaMosis. 29Siyazi okokuba uMosis wathetha egunyaziswa nguThixo; kodwa yena lo mfo asimazi, singazi nalapho avela khona.”
30Waphendula wathi: “Simanga! Nina nithi animazi apho avela khona, kanti nguye owavulileyo amehlo am. 31Kuyaqondakala okokuba uThixo akabeva aboni; kuphela uva abo bamhloneleyo ngokwenza oko akuthandayo. 32Okoko ladalwayo ihlabathi akuzange kuviwe ngomntu owakha wavula amehlo omntu ozelwe eyimfama. 33Ukuba lo mntu ebengaveli kuThixo nge-engenako mpela ukwenza into enje.”
34Amphendula athi: “Singathini ukufundiswa nguwe, ntondini eyazalelwa esonweni!” Waza ke wasikwa *endlwini yesikhungo.
Iimfama ezibonayo
35UYesu weva okokuba umntu lowo usikiwe. Akumfumana wathi kuye: “Uyakholwa na kuye *uNyana woLuntu?”
36Waphendula yena wathi: “Ndixelele ukuba ngongubani lowo, Nkosi, ukuze nam ndikholwe kuye.”
37Wathi kuye uYesu: “Sewumbonile; ngulo uthethayo nawe ngoku.”
38Waza wathi: “Ndiyakholwa, Nkosi.” Watsho waguqa phambi koYesu.
39Waza wathi uYesu: “Mna ndize kweli hlabathi ukuze abantu bacaluleke: ukuze iimfama zibone, bathi ababonayo babe ziimfama.”
40*AbaFarasi abathile ababelapho kunye naye, bamva eyithetha le nto, baza bambuza besithi: “Nathi uthi siziimfama?”
41Wathi kubo uYesu: “Ukuba benizizo iimfama ngeningenatyala, kodwa ngenxa yokuba nisithi niyabona, nihlala ninalo ityala.”

Currently Selected:

UYOHANE 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy