YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 2

2
UYesu uguqula amanzi abe yiwayini eKana
1Kwathi ngomhla wesithathu kwabakho umtshato eKana kwelaseGalili, ekho nonina kaYesu. 2UYesu nabafundi bakhe babemenyiwe nabo kuloo mtshato. 3Yakuphela iwayini, unina kaYesu wathi kuye: “Baphelelwe yiwayini.”
4Wathi kuye uYesu: “Mama, khawuyeke. Ixesha lam alikafiki.”
5Waza unina wathi kwizicaka: “Kwenzeni konke anixelelayo.”
6Apho ke kwakukho imiphanda yelitye emithandathu eyayisetyenziswa ngamaJuda kwisiko lawo lokuhlambulula. Umphanda ngamnye wawumkhulu kangangokuba wawungena iilitha ezimalunga namashumi alithoba ukuya kwikhulu. 7UYesu ke wathi kwizicaka: “Zalisani le miphanda ngamanzi.” Izicaka zayizalisa, 8wathi kuzo: “Yikhani ngoku, nise kwinjoli.” Zenjenjalo ke, 9yaza injoli yawangcamla amanzi ajikwe aba yiwayini, koko ingazi apho ivela khona le wayini. Yayizizicaka kuphela ezazisazi, kuba ayekhiwe zizo amanzi. Injoli ke yambiza umyeni, 10yathi kuye: “Idla ngokukhutshwa kuqala iwayini elungileyo, kuthi zakuba zisele zanela iindwendwe, kukhutshwe enganeno. Kodwa wena uyigcine kwada kwangoku eyona wayini ilungileyo.”
11Lo mqondiso wakhe wokuqala uYesu wawenza eKana kwelaseGalili, ebonakalisa ubungangamsha bakhe; baza abafundi bakhe bakholwa kuye.
12Emva koko uYesu, nonina, nabantakwabo, nabafundi bakhe, baya eKapernahum, bahlala khona iintsukwana.
UYesu uvala urhwebo endlwini kaThixo
(Mat 21:12-13; Marko 11:15-17; Luka 19:45-46)
13Yayiselisondele *iPasika yamaJuda, waza uYesu waya kuyo eJerusalem. 14*Endlwini kaThixo wafika kukho abathengisi beenkomo, neegusha, namahobe; kukho nabatshintshi-mali behleli ezitafileni zabo. 15Wenza isabhokhwe ngentambo, wabakhupha bonke endlwini kaThixo, ezikhupha nezo gusha nezo nkomo. Wayichitha imali yabatshintshi, wabhukuqa nezo tafile zabo. 16Waza wathi kwabathengisa amahobe: “Zikhupheni apha ezi zinto. Indlu kaBawo sanukuyenza indawo yokuthengisela.” 17Bakhumbula ke abafundi bakhe okokuba *iziBhalo zithi: “Ukuzondelela indlu yakho, Thixo, kundongamele.”
18Zambuza ke iinkokheli zamaJuda zisithi: “Ùngenza mqondiso mni na wokusibonisa ukuba unalo igunya lokwenza ezi zinto?”
19Waphendula uYesu wathi: “Yidilizeni le ndlu. Mna ndoyakha kwakhona ngeentsuku ezintathu.”
20Aza athi amaJuda: “Ukwakhiwa kwale ndlu kwaba yiminyaka emashumi mane anesithandathu. Ngaba wena ungayivusa na ngeentsuku ezintathu?”
21Yona indlu uYesu awayethetha ngayo yayingumzimba wakhe. 22Kwathi akuvuka kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe okokuba wayekuthethile oku, baza bakholwa ziziBhalo nangamazwi awawathethayo uYesu.
UYesu uyazazi iintliziyo zabantu
23Kwathi, xa uYesu wayeseJerusalem kwitheko *lePasika, abantu abaninzi bakholwa kuye bakubona imimangaliso ayenzayo. 24Kodwa uYesu yena ebengathembelanga kubo, kuba ebazi bonke abantu. 25Kwakungekho mfuneko yakuba kubekho bani umxelelayo ngomntu, kuba yena ezazi iintliziyo zabantu.

Currently Selected:

UYOHANE 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy