YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 19

19
1Waza uPilato wayalela ukuba uYesu makakatswe. 2Amajoni oluka isithsaba sameva, amfaka sona entloko, amambathisa ngengubo ebomvu, 3amana esithi kuye: “Aa! Kumkani wamaJuda!” Aza ambetha.
4Waphinda uPilato waphuma, wathi kumaJuda: “Niyabona, ndimzisa kuni, ukuze niqonde ukuba andifumani tyala kuye konke.” 5Waphuma ke uYesu, ethwele isithsaba sameva, ambethe ingubo ebomvu. UPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke!”
6Bakumbona ababingeleli abaziintloko nabagadi *bendlu kaThixo badanduluka besithi: “Bethelela emnqamlezweni! Bethelela emnqamlezweni!”
Waza wathi kubo uPilato: “Mthatheni ngokwenu, nimbethelele emnqamlezweni, kuba mna andifumani tyala kuye.”
7Amphendula amaJuda athi: “Thina sinomthetho; yaye umelwe kukuba afe ngokwalo mthetho, kuba ezenza uNyana kaThixo.”
8Akuyiva loo nto uPilato, wothuka ngakumbi, 9waphinda wangena ngaphakathi, wathi kuYesu: “Uvela phi wena?” Kodwa uYesu akamphendulanga. 10UPilato wathi kuye: “Akufuni kundiphendula? Uyaqonda na ukuba ndinegunya lokukukhulula, ndinako nokukubethelela emnqamlezweni?”
11Waphendula uYesu wathi: “Ngewungenagunya kum mpela ukuba ubungalinikwanga nguThixo. Ngoko ke oyena unetyala ngulowo undizise kuwe.”
12UPilato kwaba kukhona afuna ukumkhulula, kodwa amaJuda adanduluka esithi: “Ukuba uyamkhulula lo mntu, uya kuba akukho *ngakuKhesare. Kaloku umntu ozenza ukumkani, uchasa uKhesare.”
13Akuyiva le nto, uPilato wamkhuphela ngaphandle uYesu, waya kuchopha esihlalweni sokugweba, endaweni ekuthiwa nguMgangatho waMatye, ngesiHebhere kuthiwa yiGabhata. 14Ke kaloku kwakusemini enkulu ngomhla owandulela *iPasika, waza uPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke ukumkani wenu.”
15Ankqangaza athi: “Msuse! Msuse! Mbethelele emnqamlezweni!”
Wathi kuwo uPilato: “Nifuna ndimbethelele emnqamlezweni ukumkani wenu?”
Ababingeleli abaziintloko bathi: “Mnye qha ukumkani wethu: nguKhesare.”
16Waza ke uPilato wabavumela ukuba uYesu abethelelwe emnqamlezweni.
UYesu ubethelelwa emnqamlezweni
(Mat 27:32-44; Marko 15:21-32; Luka 23:26-43)
Kwemkiwa naye uYesu, 17ehamba ethwele umnqamlezo wakhe ukuya kuloo ndawo kuthiwa yeyoKhakhayi, ekuthiwa ngesiHebhere yiGolgota. 18Apho bambethelela emnqamlezweni, ephahlwe ngabanye ababini, bebethelelwe nabo, uYesu ephakathi. 19UPilato wabhala nesaziso, esaxhonywa emnqamlezweni. Kwakubhalwe kwathiwa: “UYesu waseNazarete, uKumkani wamaJuda.” 20AmaJuda amaninzi asifunda eso saziso, kuba loo ndawo uYesu wayebethelelwe kuyo emnqamlezweni yayikufuphi nesixeko. Isaziso eso sasibhalwe ngesiHebhere, nangesiLatini, nangesiGrike. 21Ke ngoko ababingeleli abaziintloko bamaJuda bathi kuPilato: “Sukubhala uthi: ‘UKumkani wamaJuda;’ yithi kanye: ‘Lo mntu uthe: NdinguKumkani wamaJuda.’ ”
22Waphendula uPilato wathi: “Endikubhalileyo ndikubhalile.”
23Akuba amajoni embethelele emnqamlezweni uYesu, azithatha iimpahla zakhe, abelana ngazo emané. Asithatha sona isambatho sakhe esasingenamthungo, salukiwe nje sisonke ukususela phezulu. 24Ke ngoko athetha-thethana esithi: “Masingasikrazuli; *masiqashise ngaso ukuba siya kuba sesikabani.” Ukwenjenje oku ayezalisekisa loo ndawo *eziBhalweni ithi:
“Babelana ngeempahla zam;
baqashisa ngesambatho sam.”
Enza loo nto kanye amajoni.
25Apho ngasemnqamlezweni kaYesu kwakumi unina, nodade bonina, noMariya umka-Kleyopa, kunye noMariya waseMagadala. 26UYesu akumbona unina emi kunye naloo mfundi uYesu wayemthanda, wathi kunina: “Mama, nanko unyana wakho.”
27Waza wathi kuloo mfundi: “Nanko unyoko.” Ukususela ngelo xesha loo mfundi wamthathela emzini wakhe unina kaYesu.
Ukufa kukaYesu
(Mat 27:45-56; Marko 15:33-41; Luka 23:44-49)
28UYesu wayesazi ngoku okokuba konke kugqityiwe ukuba kuzalisekiswe okuxelwe *eziBhalweni, waza wathi: “Ndinxaniwe.”
29Kwakukho isitya sizele yiwayini emuncu apho, baza bathi nkxu imfunxa kuloo wayini, bayibeka engcongolweni ekuthiwa yihisopu, bayisondeza emlonyeni kaYesu. 30Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.”
Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo.
31Kwakungokuhlwa okwandulela *iPasika. AmaJuda ayengathandi ukuba kubekho imizimba esaxhonywe eminqamlezweni *ngoMhla wokuPhumla, ngakumbi ngalo wePasika. Amcela ke uPilato ukuba yaphulwe imilenze yâbo babebethelelwe, baze bothulwe nasemnqamlezweni. 32Aya ke amajoni, afika ayaphula imilenze yowokuqala, aza ayaphula neyowesibini owayebethelelwe kunye noYesu. 33Kodwa akufika kuYesu, afumana ukuba selefile; akabi sayaphula ke eyakhe imilenze. 34Suka lamhlaba ngomkhonto ephangweni elinye ijoni, kwaza kwampompoza igazi namanzi.
35Oku kuyangqinwa ngomnye wâbo bakubonileyo, yaye ubungqina bakhe buyinyaniso. Uyazazi ukuba unyanisile, efuna ukuba nani nikholwe. 36Zisenzeka nje ezi zinto, zazizalisekisa okuxelwe *ziziBhalo zisithi: “Akuyi kwaphulwa nalinye ithambo lakhe.” 37Kwakhona enye indawo yeziBhalo ithi: “Baya kujonga kulowo bamhlabileyo.”
Ukungcwatywa kukaYesu
(Mat 27:57-61; Marko 15:42-47; Luka 23:50-56)
38Ke kaloku emva koko uJosefu waseArimati wacela imvume kuPilato ukuba awuthathele kuye umzimba kaYesu. UJosefu lo wayengumlandeli ofihlakeleyo kaYesu ngenxa yokoyika amaJuda. UPilato wamvumela, waza ke uJosefu waya kuwuthula umzimba kaYesu. 39UJosefu wayekhatshwa nguNikodimo, lowo wayekhe waya kuYesu ngobusuku. UNikodimo wayephethe umxube wentlaka yokuqhola nencindi yekhala engaphezu kweekhilogram ezingamashumi amathathu. 40Bawuthatha ke umzimba kaYesu, bawuthandela ngamalaphu elinen, bawuqhola njengokuba kwakusenziwa ngokwesiko lamaJuda. 41Kwakukho isitiya kuloo ndawo wayebethelelwe emnqamlezweni kuyo uYesu, kukho nengcwaba elitsha, kungekangcwatywa mntu kulo. 42UYesu ke bamngcwaba kweli ngcwaba lilelona likufutshane, kuba *uMhla wokuPhumla wawuselusondele.

Currently Selected:

UYOHANE 19: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy