YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 11

11
Ukusweleka kukaLazaro
1Kwakukho mntu uthile ugulayo, uLazaro. WayengowaseBhetani kuloMariya noMarta oodade wabo. 2UMariya lo ngulowa wayithambisayo iNkosi ngamafutha aqholiweyo, waza wazisula ngeenwele zakhe iinyawo zayo. Lo Lazaro wayegula wayengumnakwabo. 3Ke ngoko oodade wabo aba bathumela kuYesu, besithi: “Nkosi, umhlobo wakho uyagula.”
4Akuyiva loo nto, wathi uYesu: “Oku kugula akuyi kuphelela ekufeni, koko kuya kubonakalisa amandla kaThixo, aze uNyana kaThixo abe nodumo.”
5Ngoko ke, nangona uYesu wayebathanda ooMarta noMariya noLazaro, 6wahlala iintsuku zambini kuloo ndawo weva ekuyo ngokugula kukaLazaro. 7Emva koko wathi kubafundi bakhe: “Masiphinde siye kwelakwaJuda.”
8Ke ngoko bathi kuye abafundi: “Mfundisi, ebesand' ukufuna ukukugibisela ngamatye nje amaJuda, ungáthini ukubuya uye khona?”
9Wabaphendula uYesu wathi: “Ilanga liyavela, litshone, anditsho? Ke ukuba umntu uhamba emini, akakhubeki; kuba ukhanyiselwa lukhanyiso lweli hlabathi. 10Kodwa ukuba uhamba ebusuku, uyakhubeka; kuba akukho kukhanya kumkhanyiselayo.” 11Akuba etshilo, waqokela wathi: “Umhlobo wethu uLazaro ulele; ndisaya kumvusa.”
12Baza bathi kuye abafundi: “Nkosi, ukuba ulele, uya kuvuka.”
13Kanti ke uYesu wayethetha okokuba uLazaro uswelekile, kodwa bona babeba uthetha ukuthi ulele ubuthongo. 14Ke ngoko wabaxelela ngokuphandle, wathi: “ULazaro ufile; 15kodwa ngenxa yenu ndiyavuya ngokungabikho kwam khona, ukuze nikholwe. Ngoko ke, masiye kuye.”
16Ke ngoko uTomas, uWele, wathi kwabanye abafundi: “Masiye nathi, size sife kunye naye.”
UYesu uluvuko nobomi
17Kwathi akufika uYesu, wafumana ukuba uLazaro seleneentsuku ezine engcwatyiwe. 18IBhetani yayikufuphi neJerusalem, umgama onganeno kweekhilomitha ezintathu, 19kwaza kwafika amaJuda amaninzi, eze kukhuza ooMarta noMariya ngokusweleka komnakwabo.
20Akuva uMarta okokuba uYesu uyeza, wamhlangabeza, kodwa yena uMariya wasala endlwini. 21Waza wathi uMarta kuYesu: “Nkosi, ukuba ubukho, ngengabhubhanga umnakwethu. 22Kodwa nangoku ndiyazi ukuba uThixo wokunika nantoni na oyicelayo kuye.”
23Waza wathi kuye uYesu: “Umnakwenu uya kubuya avuke.”
24Wathi kuye uMarta: “Ndiyazi okokuba uya kubuya avuke xa kuvuswa bonke abafileyo ngomhla wokugqibela.”
25Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. 26Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”
27Waza wathi kuye: “Ewe, Nkosi. Sendoyisekile; ndiyavuma okokuba wena unguye *uKrestu, uNyana kaThixo, lowo umelwe kukuza ehlabathini.”
UYesu uyalila
28Akuba etshilo uMarta, wemka waya kubizela bucala udade wabo uMariya, wathi kuye: “Umfundisi ukho; uyakubiza.” 29Akukuva oko uMariya, wakhawuleza waphuma, wahlangabeza uYesu. 30UYesu ke wayengekangeni edolophini, kodwa wayesekuloo ndawo wayedibene kuyo noMarta. 31Ke amaJuda lawo awayekunye noMariya endlwini, eze kukhuza, athi akubona ephakama kamsinya, aphuma amlandela. Ayeba uya kulila engcwabeni.
32UMariya waya kulaa ndawo wayekuyo uYesu, wafika waziphosa ezinyaweni zakhe, wathi kuye: “Nkosi, ukuba ubukho, ngengabhubhanga umnakwethu.”
33Wathi uYesu akumbona elila, namaJuda abeze naye elila, wachukumiseka entliziyweni, wakhathazeka kakhulu, 34wathi: “Nimngcwabe phi?”
Bathi: “Nkosi, yiza sikubonise.”
35Zehla iinyembezi kuYesu. 36Ke ngoko amaJuda athi: “Khanikhangele ukumthanda kwakhe!”
37Ke amanye kuwo athi: “Wawavula nje amehlo emfama, ngaba ebengenako ukwenza ukuba noLazaro angabhubhi?”
ULazaro uvuswa ekufeni
38Esachukumiseke njalo entliziyweni uYesu, waya engcwabeni. Ingcwaba eli lalingumqolomba, livalwe ngelitye. 39Waza wathi uYesu: “Lisuseni ilitye.”
Wathi uMarta, udade bomfi: “Nkosi, selenevumba, kuba seleneentsuku ezine eswelekile.”
40UYesu wathi kuye: “Bendingatshongo na kuwe okokuba uya kuwabona amandla kaThixo ukuba uyakholwa?” 41Balisusa ke ilitye, waza uYesu wakhangela phezulu, wathi: “Bawo, ndiyabulela kuba undiva. 42Mna ke bendisazi ukuba uhlala undiva, kambe ke nditsho ngenxa yale ndimbane yabantu ixhontelene apha, khon' ukuze ikholwe ukuba ndithunywe nguwe.” 43Akuba etshilo wadanduluka wathi: “Lazaro, phuma engcwabeni!” 44Waphuma umfi, izandla neenyawo zithandelwe ngamalaphu elinen, ubuso bujikelwe ngeqhiya. Wathi kubo uYesu: “Mkhululeni, nimyeke ahambe.”
Ibhunga ngoYesu
(Mat 16:1-5; Marko 14:1-2; Luka 22:1-2)
45Into eninzi yaloo maJuda awayeze kukhuza uMariya, ithe yakukubona oko uYesu akwenzileyo, yakholwa kuye. 46Kodwa athile kuwo abuyela *kubaFarasi, abaxelela oko uYesu akwenzileyo. 47Ke ngoko abaFarasi nababingeleli abaziintloko babiza intlanganiso *yeBhunga, bathi: “Makuthiweni na? Nanku lo mntu esenza imiqondiso emininzi. 48Ukuba sithe samyeka waqhuba ngolu hlobo, bonke baya kukholwa kuye, aze eze amaRoma, ayidilize *indlu kaThixo, alutshabalalise uhlanga lwethu.”
49Omnye wabo, uKayafa, owayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka, wathi: “Anikayiqondi mpela le nto! 50Aniqondi na okokuba kunilungele ukuba umntu omnye afele abantu, kunokuba kutshatyalaliswe uhlanga lonke?” 51Oku akakuthethanga kuphuma kuye. Watsho kuba wayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka, ebhengeza okokuba uYesu wayeza kulufela uhlanga, 52engafeli lona kuphela, koko efela bonke abantwana bakaThixo abathe saa, ebahlanganisela ndawonye.
53Kwathi ke ukususela ngaloo mini iinkokheli zamaJuda zabhunga ukumbulala uYesu. 54Ke ngoko uYesu akabanga sahamba ekuhleni kwelakwaJuda, kodwa wemka waya ngasentlango, kwidolophu ekuthiwa yeyakwaEfrayim, wahlala khona apho enabafundi bakhe.
55Itheko lamaJuda ekuthiwa *yiPasika, lalisondele; baza ke baba baninzi abaphuma kuloo mimandla, besiya eJerusalem ngaphambi kwePasika, ukuze bazihlambulule. 56Babemfuna uYesu; baza bathi bakuhlangana endlwini kaThixo, bamana bebuzana besithi: “Nithini na? Makube akezi ePasikeni?” 57Ababingeleli abaziintloko nabaFarasi babeyalele okokuba ukuba kukho bani waziyo apho uYesu akhoyo, kufuneka axele, ukuze bambambe.

Currently Selected:

UYOHANE 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy